Xa kanye kushiyeke iiveki ezintathu litshe ibhayi kwiDStv Premiership, uSibusiso Vilakazi noXola Mlambo, bazifumanele ikhaya elitsha. Aba badlali abaphambili batyikitywe yiTS Galaxy. UVilakazi usuka kwiMamelodi Sundowns, kanti yena uMlambo usuka KwaZulu-Natal – apho ebedlalela khona AmaZulu. Ukufika kwaba abadlali kwiqela likaTim Sukazi kubonisa ukuzimisela kwalo ukulwela indawo ehloniphekileyo kwisizini ezayo emva kokusokola kwisizini ephelileyo. Nangona uVilakazi (32) enethuba elide engadlali ngenxa yokonzakala okuye kwamphazamisa kwiSundowns – kodwa (yena) usenawo amandla okwenza umahluko kwiqela elifana neTS Galaxy elisakhangela indawo yalo kwiDStv Premiership.
Uhambe kwiSundowns emze umsebenzi omhle kakhulu, ngakumbi phantsi kukaPitso Mosimane olahle kutshanje njengomqeqeshi we-Al Ahly aphumelele kuyo iindebe ezintlanu kwisithuba seminyakana emibini. Yena uVilakazi ushiye iSundowns ephumelele iindebe zePremier Soccer League ezintlanu nenqwaba yezinye. Kwisizini edlulileyo, udlale imidlalo elishumi elinanye kuphela phantsi kukaManqoba Mngqithi noRulani Mokwena. Yena uXola Mlambo ebedlalela Usuthu. Ngelishwa lakhe, uye waphakathi kwabalishumi elinantlanu ekuthiwe mabakhangele umsebenzi kwezinye iindawo xa kuphela isizini. UMlambo, 31, ukhe wadlala ngethuba AmaZulu ebhexeshwa nguBenni McCarthy.
Ngaphandle kokwandiza izivumelwano zengqesho zabadlali abafana noLindokuhle Mbatha noMarks Munyai – iTS Galaxy ikwazile ukugcina intlaninge yabadlali bayo abaliqela abaziintsika zayo. Abadlali bayo abafana noEthan Brooks noAugustin Kwem baye bathathwa ngaMaZulu. Kulindeleke ukuba iTS Galaxy yamakele AmaZulu emdlalweni weDStv Premiership wokuqala eMbombela Stadium ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo ngentsimbi yesithathu emalanga.
UMzantsi Afrika uzuze inqaku kwiCongo Brazzaville ebibhokile kowayo!