iTS Galaxy ivuthulule iGolden Arrows ngamagowuli amathathu ebaleni layo

Sandile Zuke of Golden Arrows challenged by Nation Ndlovu of TS Galaxy during the 2019 Nedbank Cup semi final match between Golden Arrows and TS Galaxy at Sugar Ray Xulu Stadium, Durban on 20 April 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UDan “Dance”
Malesela neqela lakhe benze ezibukwayo ngale njikalanga ngokubetha iGolden
Arrows ebaleni layo emdlalweni obalulekileyo. Iqela elidlala kwiNational First
Division, iTS Galaxy, lizenzele imbali ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika namhlanje
ngokuvuthulula Abafana Bes’thende ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1)
emdlalweni obutak’ iintlantsi kwisigaba sesibini eSugar Ray Stadium. USteve Komphela
ubatyityimbisele umnwe abadlali bakhe phakathi evekini ngelithi baze
bangayijongeli phantsi iTS Galaxy kuba idlala kwinqanaba elingezantsi. Kwenzeke
lo nto kanye emva kokuba iGolden Arrows ingakwazanga ukukhusela igowuli layo
ehambe phambili ngalo emdlalweni. Umdlalo ulawulwe yi-Arrows kwisigaba sokuqala
– kodwa ayikwazanga ukubhalisa ebhedini kwade kwaphela isigaba sokuqala.

Okuhle
ngeTS Galaxy kukuba abadlali bayo khange banikezele noxa bekucaca ukuba badibene
neqela elingasentla ngomgangatho. Iqela likaKomphela lihambe phambili emzuzwini
wamshumi asixhenxe emva kwegowuli elifakwe nguKnox Mutizwa ngepenela evele ngenxa
yokudlaliswa kakubi kukaMathenjwa. Unozinti weGolden Arrows, uMaximilian
Mbaeva, unqande amanzi engena endlini izihlandlo eziliqela abadlali beGalaxy
befuna int’ebilapha. Igowuli leGalaxy lithe gqi emva kwebhola efakwe nguSandile
Zungu ngentloko ezama ukuyikhuphela ngaphandle. Kuye kwanyanzeleka okokuba
umdlalo uye kwixesha elongezelelweyo. Kulapho uZakhele Lepasa efake khona
amagowuli amabini aqinisekise indawo yeTS Galaxy emdlalweni wokugqibela
weNedbank Cup oza kudlalelwa eMoses Mabhida Stadium kwinyanga ezayo.

  

Golden Arrows:  Mbaeva, Sibisi,
Bilankulu, Mzava, Lunga, Dube, Zuke. Venter, Ndwandwe, Venter, Lamola, Mutizwa.

Amalalela:  Gumede, Jooste. Mathiane,
Sibeko, Dube, Male.

TS Galaxy:  Mpakumpaku, Aubaas,
Dube, Cheeks, Meat, Setelele, Mbamba, Bodibe, Nduli, Mdlinzo, Ndlovu.

 Amalalela:  Phungwayo,
Myataza, Shangase, Lepasa, Abrahams, Makgoka, Ngidi.