UMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, uxelele abalandeli bebhola yomnyazi okokuba itumente yomnyazi yalo nyaka yeye’Afrika yonke – hayi uMzantsi Afrika kuphela. OkaMolokwane ukuthethe oku onwabile eWalter Sisulu University Stadium, eMthatha, apho bekubonwa khona indebe yehlabathi ebijikeleza eMpuma Koloni kwiveki ephelileyo phambi kokuya eNtshona Koloni. Ukujikeleziswa kwendebe bekuncedisa iphulo leNetball South Africa locelela inkxaso abadlali boMzantsi Afrika abaza kukhuphisana noompetha behlabathi kwitumente eza kuqala ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga yeKhala, eKapa.
‘Ngomhla we’Afrika kwinyanga ephelileyo, yagaleleka indebe apha eMzantsi Afrika, indebe ijekeleze uMzantsi Afrika wonke ngenyanga yolutsha, itumente iza kuqala ngenyanga kaMandela futhi xa siphakamisa indebe kwinyanga ezayo, iza kube iyinyanga yoomama. Yiyo lo nto ebangela singakhathali nokuba leliphi ilizwe esidibana nalo ngomhla wesithandathu kwinyanga yeThupha,’ utshilo uMolokwane oqinisekileyo ukuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kuyithatha indebe yehlabathi. ‘Ngomhla womdlalo wokugqibela, siza kudibana neqela elithile – kodwa emva komdlalo, siza kuyiphakamisa indebe.
‘Lo ngunyaka wamashumi amathandathu indebe yomnyazi yasungulwayo – kodwa kokokuqala idlalelwa eMzantsi Afrika. Ingqamene neziganeko ezinembali yethu itumente yomnyazi yalo unyaka. Yiyo le nto ndisithi itumente yeyezwekazi le’Afrika yonke. Sithi apha sodwa e’Afrika abanenani elikhulu lamaqela aza kuthatha inxaxheba kwitumente yalo nyaka. Loo maqela nguMzantsi Afrika, Uganda, iZimbabwe neMalawi. Siza kubabetha bonke, iSPAR Proteas ziintshatsheli ze’Afrika. Xa kuqala imidlalo yetumente yehlabathi, wonke umntu makabukele imidlalo kuSABC nakuSuperSport TV. Bukelani amantombazana wethu esenza umsebenzi oncomokayo,’ uvale ngaloo mazwi uMolokwane oqinisekileyo ngokuphumelela.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa