iTunisia ibethe iFrance kwaphuma yona, iAustralia yakhiqa iDenmark

Izuze impumelelo ebalulekileyo iTunisia – kodwa ngelishwa layo, kuye kwanyanzeleka izichithe iintente eQata ibuyele ekhaya. UWahbi Khazri ufake igowuli ebe kuphela kwalo emdlalweni iTunisia ezibethele kuwo iFrance ebidikidiki namhlanje emalanga. Ngoba iFrance ibisele iyifumene indawo kwiTop 16 yeFifa World Cup yalo nyaka, uDidier Deschamps ufake abadlali abatsha abalithoba emdlalweni wanamhlanje, mhlawumbi ebefuna abadlali abathile abanokumnceda emidlalweni ezayo ekwaphumza nabanye. Yona iTunisia iye emlweni iziphethe zonke izikrweqe zayo ngoba ibigxeleshe ukuya kumjikelo olandelayo – kodwa lo nto ibixhomekeke kwiziphumo zomdlalo obuphakathi kweDenmark ne-Australia.

Sonke isiqinga sokuqala silawulwe yiTunisia ebisilwela ukuphumelela amanqaku amathathu ukuze ifumane indawo yesibini kuGroup D. Igowuli elifakwe nguKhazri kwisigaba sokuqala ibisisiqinisekiso sokungena kweTunisia kwiTop 16 okwesibini kwimbali yayo – kodwa yapotyakala lo nto ngenxa yeziphumo zomnye umdlalo. Alivunywanga yiVAR igowuli elifakwe yiFrance emizuzwini yokugqibela yomdlalo. Kwelinye icala, iAustralia ibethe iDenmark ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni kaGroup D.

Ngalo ndlela iAustralia idlulelele kwisigaba sesibini seFifa World Cup ityeli lesibini emva kokubetha iDenmark komnye umdlalo kaGroup D. Yayivula kakubi iWorld Cup ngokubethwa yiFrance ebethwe yiTunisia. Abantu abaninzi baphoxekile yindlela iDenmark edlale ngayo eQatar ngoba bebeyibona njengelona lizwe elingakhuphisana namazwe afana neFrance eziintshatsheli zika-2018, iBrazil, iArgentina neGermany esokolayo. IDenmark ivala itumente yalo nyaka ikwindawo yesine kwiGroup D ingaphumelelanga mdlalo. Kwindawo yokuqala kuhleli iFrance, emva kwayo yayiAustralia neTunisia ebinethemba lokubhukuqa iAustralia kwindawo yesibini. Amanye amaqela asele ekhulule ijezi aquka iSerbia, iQatar, iEcuador, iWales ne-Iran.