iTunisia neDenmark zijijisene ngeqanda emdlalweni obuseCity Stadium

UKasper Schmeichel weDenmark no-Issam Jebali weTunisia emdlalweno weFIFA World Cup obuse-Education City Stadium. Umfanekiso: EPA/Abedin Taherkenareh

Amazwe ase-Afrika asakhangela impumelelo kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar emva kokungaphumeleli kwamabini asele edlale imidlalo yawo yokuqala. Izolo ebusuku, iSenegal iguqiswe phantsi ngamaDatshi ngo’2-0 emdlalweni edlale kakuhle kuwo. Kusenzima nanamhlanje, emva kokuba iTunisia ijijisene ngeqanda neDenmark emdlalweni weNdebe yeHlabathi obushushu ngendlela emangalisayo kwibala ekuthiwa yiEducational City Stadium ebeligcwele limi ngeembambo. Umdlalo ububaleka ngesantya esiphezulu – lo nto ibangele kube nzima ukudala amathuba acacileyo kumacala omabini.

Emizuzwini yokuqala, u-Issam Jebali uphantse wayifaka engxakini iDenmark phaya emva phambi kokuvalwa kwebhola yakhe. Kanti uMohamed Drager ukhabe imbumbulu yebhola ephume ecaleni kancinci ezipalini zeDenmark ebonwa ngabaninzi njengelinye lamazwe anokothusa ihlabathi. Emva kwamashumi amabini emizuzu kwisigaba sokuqala, uJoachim Anderson, uzamile ukukhabela iipali zeTunisia – kodwa uyibambe lula uAymen Dahmen. Emva koko uJebali ukhabe ibhola yayohlala emnatheni emva kukaKasper Schmeichel – kodwa usompempe akayinikanga uTunisia ngelithi kukho oleleyo.

Ezinye iinzame zabadlali beTunisia aziphumelelanga sade saphela isigaba sokuqala somdlalo. Emva kwemizuzu emihlanu kwisigaba sesibini, iDenmark nayo ikwazile ukufaka igowuli ngenyawo lika-Andreas Skov Olsen – kodwa usompempe akalivumanga kuba bekukho umdlali olaleleyo. Umqeqeshi weDenmark, uKasper Hjulmand, uye wanyanzeleka ukuba enze iinguqu ngelizama indlela yokufumana into emdlalweni. Ufake amadoda afana noJesper Lindstrom, Andreas Cornellius noMathias Jensen. Isigaba sesibini silawulwe yiDenmark noxa naso side saphela kungekho nto eyifumeneyo emdlalweni kaGroup D.