Ityale izigidi emidlalweni yezikolo kwakhona iMotsepe Foundation!

uDr Patrice Motsepe weMotsepe Foundation ekunye no’Angie Motshekga noMphathiswa wezemfundo esisiseko entlanganisweni ebiseSandton Convention Centre kutshanje. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umbutho wesisa, iMotsepe Foundation, utyale izigidi zerandi kuphuhliso lwebhola ekhatywayo ezikolweni nasemculweni weekwayala. Oku kubhengezwe kwiindibano yamajelo eendaba ebizinyaswe ngusihlalo weMotsepe Foundation buqu uGqirha Patrice Motsepe nonkosikazi wakhe uGqirha Precious Moloi-Motsepe kwimpelaveki egqithileyo eGoli, eGauteng. Phakathi kwezitatanyiswa zaseburhulumenteni ebezimenyiwe bekukho uMphathiswa wemfundo esisiseko, uNksz. Angie Motshekga, uPhanyaza Lesufi oyinkokeli yaseGauteng, uNksz. Cecilia Molokwane weNetball South Africa noDanny Jordaan okhokela iSouth African Football Association.

Injongo yokukhwetywa kwendibano kukuba iMotsepe Foundation ibifuna ukwazisa ukuba imali eza kubinza ngayo kwiinkqubo zophuhliso lwebhola ekhatywayo, eyomnyazi nomculo weekwayala iza kusuka kwizigidi ezingamashumi asixhenxe (R70-m) eyabhengezwa ngonyaka ka-2016 iye kwikhulu elivisayo elinamashumi amahlanu ezigidi zerandi (R150-m).

Imali ichakwe ngolu hlobo: ngonyaka ngamnye, ngamashumi amathathu ezigidi zerandi (R30-m) eziza kusetyenziswa ngonyaka ngamnye kude kuphele iminyaka emihlanu. Le yindlela abakwaMotsepe abazama ngayo ukuqinisa iziseko zophuhliso zebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Kodwa yonke lo nto bafuna iqale ezikolweni zoMzantsi Afrika – apho kudlaliswa khona abantwana beselula.

“Uqhogwano phakathi kwethu (Motsepe Foundation) nesebe lezemfundo esisiseko liwufunqule umgangatho webhola kwitumente yezikolo edlalwa zizikolo kuzwelonke. Kunjalo nakwibhola yomnyazi nasemculweni weekwayala. SiyiMotsepe Foundation sigqibe kwelokuba siyinyuse imali ngoba sifuna ukuqinisekisa ukuba abantu abatsha eMzantsi Afrika bayakwazi ukukhuphisana nabezizwe zehlabathi ebholeni ekhatywayo, kwibhola yomyazi nasemculweni weekwayala. Abanye abadlali abaphambili kwiPSL babonwa bedlalela izikolo kwiKay Motsepe Schools Football Cup,” utshilo uMotsepe. Umphathiswe wemfundo esisiseko uthe into eyenziwa ngabakwaMotsepe ayipheleli ebaleni ngoba ibanceda nasebomini ngokubanzi abantwana.