Ityelela eMzantsi kungekudala i-Australia

Umbutho olawula iqakamba kweli lizwe, iCricket South Africa, ikhuphe ngokusesikweni iinkcukacha zemidlalo yovavanyo notyelelo lwe-Australia oluza eMzantsi Afrika ngenyanga yoKwindla.

Umdlalo wokuqala wovavanyo phakathi kweProteas nee-Aussies uzakube useKingsmead Stadium, eThekwini, ukusukela ngomhla wokuqala ukuya kowesihlanu kweyoKwindla – ezinye iindawo ekulindeleke ukuba zisingathe le midlalo yiSt George’s Park ekwidolophi yaseBhayi, kulandele iNewlands Stadium eseKapa neWanderers eseJohannesburg.

Okothusileyo kwesi sibhengezo kukushiywa kweSuperSport Park, imidlalo emithathu kwemine izakuthi idlalelwe kwiindawo ezisondele elwandle. UMzantsi Afrika kufuneka uzame ngandlela zonke ngoba i-Australia iyawusokolisa kuchungechunge lwemidlalo, kangangokuba awukayibethi kwimidlalo yovavanyo ukusukela ngo-1991.

“Ukusukela ngo-1991, kokokuqala kudibana la mazwe kwimidlalo emine yovavanyo. Lo nto izakusinika ithuba elihle lokubethela ii-Aussies ekhaya,” utshilo uHaroon Lorgat kwingxelo ekhutshwe yiCSA.

“Imidlalo yovavanyo ephakathi koMzantsi Afrika ne-Australia isoloko ikumgangatho ophuzulu othi unike abadlali abathile ithuba lokuziqaqambisa ngakumbi. Ilizwe lase-Australia lihleli kwindawo yesibini kumanqwanqwa we-ICC, ngoku kufuneka sibethe yona ne-India ukuze sifumane indawo yethu phaya phezulu,” utshilo uLorgat.

Australian vs South Africa:

1-5 March: Kingsmead, Durban

9-13 March: St George’s Park, Port Elizabeth

22-26 March: Newlands, Cape Town

30 March-3 April: Wanderers, Johannesburg