Emva kwemizamo eliqela iChippa United izama ukufumana indawo yayo kwibhola yoMzantsi Afrika ekwinqanaba eliphezulu, ide yayifumana indawo kwisizini ephelileyo yePremier Soccer League.
Eli qhayiya leMpuma Koloni, livale isizini ephelileyo kwindawo yesithandathu kwiPSL emva kokucambalalisa amaqela amakhulu afana ne-Orlando Pirates neKaizer Chiefs. Lo nto iqhwatyelwe izandla ngabantu abaninzi kulo lonke ilizwe loMzantsi Afrika, nayo iChippa
United ifumene amandla nokuzithemba okungumangaliso. Ngoku injongo yabaphathi kukwakha phezu kweso siseko ukuze iChippa United ibalwe phakathi kwamaqela amakhulu kweli lizwe.
Kule isizini intsha abaphathi beze nomxholo iqela elizakuthi lisebenze phantsi kwawo othi #Asiphelelanga #SeasonOfGrouth.
Igwijo elithi “Asiphelelanga” lifana nomhobe wesizwe webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ngoba yeyona nto isondeza nekwavuselela abantu. Ngoku iChippa ithetha nge#SeasonOfGrowth kuba iinenjongo ezintsha kodwa ezingokwandisa inkqubela eyizuze kwisizini ka’2015/16. I’solezwe lesiXhosa lincokole nomanejala weli qela, uLuthando Zibeko, ngezinto abafuna ukuzenza ukusukela ngoku ukuya phambili. “SeasonOfGrowth yinkqubo esizakuthi sicangcathe kuyo kule sizini.
Sileli qela sifuna ukukhulisa igama lethu, sizakuyenza lo nto ngokuthi sijikeleze iMpuma Koloni yonke ngoba sifuna ukusondela kakhulu ebantwini. Okunye okubalulekileyo kuthi kukudlala kakuhle kweChippa United ebaleni futhi yenze ngcono kunesizini edlulileyo,” utshilo uZibeko
Ukukhula kweChippa United sekubonakala ngoba kwiveki ephelileyo ifumene inkxaso kwikampani yakwaCanterbury. Ngoku iqela lonke lizakunxiba izikipha ezenziwe nguCanterbury futhi nabalandeli bazakuthi bafumane ithuba lokuzithengela izikipha ezivenkileni ungaphelanga lo nyaka, into ebingenzeki ngaphambili.
Kwangaxeshanye iiChilli-boys zibhengeze abadlali abatsha abaliqela abaquka uBongani Ndulula nabanye abadlali abaziwayo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?