Ityikitye abadlali ababini iChippa United

Onke amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League athe bhazalala kwilizwe lonke ekhangela abadlali.

Nayo iChippa United ikwelo phulo, kangangokuba yona ityikitye abanye abadlali ababini kwakhona.

Umdlali wasemva weKaizer Chiefs, uZitha Macheke noGeorge Okpabio ngabadlali beChippa ngoku. Ezi ndaba zidizwe ngumphathi weli qela lizinze eBhayi, umnumzana Siviwe Mpengesi, kwikhasi lomnatha kalindixesha ophuma ngenyanga.

UMacheke ngomnye wabadlali abangamashumi amabini abakhululwe yiChiefs ekupheleni kwesini. Kodwa ke le ndodana ichithe ixesha elithile idlala kwiChippa.

Le yenye yamajoni athembekileyo ekulindeleke ancede uDan Malesela ofuna ukwenza ezibukwayo kwisizini ezayo kwiPSL.

UDavid Zulu ngomnye wabadlali abazakuthi badlalele iChippa emva kokuba Amakhosi ethe makahlale enye isizini kwakhona.

UGeorge Akpabio yena ubuyela kwiiChilli-boyz okwesibini. Kunyaka ophelileyo waya kudlalela iqela laseTurkey.

Kulindeleke ukuba le ndodana iminyaka engamashumi amabini anesithathu incedise kakhulu iChippa ekufakeni amagowuli.

Emva kokuba iiChilli-boyz zivale isizini ephelileyo kwindawo yesithandathu okokuqala kwimbali yazo; uMalesela uthe kwisizini ezayo ufuna iqela lakhe lilwele indebe.

Ngumsebenzi onzima kakhulu lowo ngoba kufuneka abenabadlali abakulungeleyo ukuwenza lo msebenzi.

Yiyo lo nto eqokelela abadlali acinga ukuba bazakumelana nendlela asebenza ngayo kweli qela.

Izinto zizakuthanda ukuba nzima kwiChippa ngoba ikhuphisana namaqela kwiPSL anezipaji ezinzulu, yona ibe ingenabo abaxhasi. Kwelinye icala ijongene nomcelimngeni wabadlali abaphambili abafunwa ngamaqela amakhulu.

Amakhosi ne-Orlando Pirates kuthiwa afuna uThamsanqa Sangweni noJoseph Molangoane.

UMpengesi uthi iqela elibafunayo kufuneka likhuphe imali, kodwa akanayo injongo yokubathengisa.