Ityikitye abadlali abathathu iChippa United

IiChilli-boys zityike abadlali abathathu abatsha ekulindeleke baqale xa kuvulwa isizini entsha ekuthambekeni kwalo nyaka.

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, uyibeke yacaca ekupheleni kwesizini ka’2015/16 into ethi ufuna iqela lakhe libe liqela elidlalela iindebe, hayi ukulwela ukuhlala kwiPremier League njengoko bekusenzeka kwiminyaka yangaphambili.

Aba badlali nguSizwe Mdlinzo, uPaseka Mako noTshwarelo Bereng. Eli qela lizinze eBhayi livale isizini lisendaweni ebhetele okokuqala embalini yalo ukusukela oko lathi ladlala kwi-Absa Premier Soccer League. Lo msebenzi mhle wenziwe nguMalesela ofike kunyaka ophelileyo phofu elisekela likaRoger Sikhakhane owayengumqeqeshi ngoko. Njengabaqeqeshi bonke, uDan, ukhangela abadlali abazakungena ncakasana kwindlela afuna iChippa idlale ngayo. Konke oku kwenzeka kukho isiphithiphithi sabadlali abafunwa ngamaqela amakhulu.

UThamsanqa Sangweni noJoseph Molangoane bafunwa ngamaqela aseGoli afana neChiefs ne-Orlando Pirates, kodwa iChippa United kuthwa ayizimiselanga kubathengisa abadlali bayo kuba iinenjongo eziphakamileyo zesizini ezayo.