Ityikitye isithandathu sonke sabadlali iHighlands Park

Thela Ngobeni of Free State Stars during the 2018 Nedbank Cup Final between Maritzburg United and Free State Stars at Cape Town Stadium on 19 May 2018 © Chris Ricco/BackpagePix

Eziphuma eGoli,
zithi iHighlands Parks eqeqeshwa nguMnumzana, u-Owen Da Gama, ibhengeze inqwaba
yamagama wabadlali abathandathu abatsha. Abo ngabadlali ekulindeleke baqinise iHighlands Park njengokuba kusondela ixesha
lokuvulwa kwesizini entsha. Amagama wabadlali abatsha nguThela Ngobeni, uRodney
Ramagalela, uWayde Jooste, uMarks Munyayi, uMakhehleni noLimbikani Mzava. URamagalela
uza kufumana ithuba elihle lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola
ekhatywayo emva kokungadlaliswa kwakhe yiPolokwane City
emva kwengxabano ukusuke ekuqaleni kwalo unyaka kwade kwaphela isizini
ka-2018/19.

UMzava noJooste
baza kudlalela eli qela laseGauteng emva kokukhululwa yiGolden Arrows ephantsi
kwesandla sikaSteve Komphela abebeyidlalela kwisizini egqithileyo. Yena uMakhaula
usuka kwiFree State Stars ethotyiselwe kwaNational First Division ekupheleni
kwesizini yePSL ka-2018/19. Kodwa oyena mdlali otsale umdla wabantu abaninzi nguThela
Ngobeni – obekade edlalela iMamelodi Sundowns. UThela Ngobeni angalixhadi likaDa
Gama ngenxa yamava awafumene emva kokudlalela amaqela afana neKaizer Chiefs
neFree State Stars – apho aziqaqambise khona kwisizini ephambi kwale idlulileyo
ngethuba ithatha iNedbank Cup.