Ivalwa ngemidlalo inyanga yolutsha ePort Alfred

Kwimidlalo yebhola ekhatywayo kunye neyomyazi ebibanjelwe kwibala iHospital ground phakathi kwabasebenzi besibhedlele salapha ePort Alfred, iMajori Parish isibhedlele esijongene nabo banesifo seTB, kunye neHumansdorp General Hospital ngamaqela asePort Alfred athe aphumelela.

Nanjengoko eyomyazi iphumelele ngamanqaku alishumi elinesibhozo kwalishumi elinesithathu.

Kwibhola ekhatywayo iHummansdorp Hospital ibethwe ngamagowuli amathathu kwelinye. UXolani Ndlebe nongumququzeleli wezemidlalo kwicandelo lezempilo apha ePort Alfred uthe unobangela wokuba babenale midlalo kungokuba bafuna abasebenzi bezibhedlele babenobudlelwane obuhle nabezinye izibhedlele. Nalapho aveze ukuba bebengaqali ukubamba le midlalo. Uqhube wathi ”Nakunyaka ophelileyo besinayo kwaye sizakuqhubeka siyibamba”.Ukwaveze ukuba bazakubamba itumente ngexesha lasehlotyeni nalapho bazakuthi bameme abasebenzi beevenkile zasePick ‘* Pay kunye noSpar.Lo kaNdlebe wongeze ngelithi babone ukuba mabayibambe ngale nyanga kaJune kulo unyaka ukuhlonipha ulutsha kunye namaqhawe ka1976.

UNwabisa Goqwana nongukapteni webhola yomnyazi yeqela laseHumansdorp uthe kubalulekile ukhe uphume kancinane emsebenzini udibane nabanye abasebenzi kwaye bavuyile ukuthatha inxaxheba kuba bebehlonipha nolutsha luka-1976.

Uqhube wathi ayibalulekanga kakhulu into yokuphumelela nokubethwa, into ebalulekileyo sidlalile kwaye siwahloniphile amaqhawe.

UNtsikelelo Platjiee nongukapteni weqela lebhola ekhatywayo laseHumansdorp uthe imidlalo ibalulekile kuba imizimba iyigcina isempilweni kwaye bayathemba bazakuphinda badibane nezinye izibhedlele ukubamba le midlalo. UXolela Mjuza nongukapteni webhola yomnyazi yasePort Alfred uthe uyavuya ngabo baphumeleleyo kodwa ke eyonanto ibalulekileyo kukuba bekudlalelwa nokukhumbula amaqhawe athi asilwela ngeemini ezinzima zika1976.