Ivelise iintshatsheli itumente yeNelson Mandela Bay Stadium

Iintshatsheli ezithathe inxaxheba kwitumente yokuqala yeNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: NMB Stadium

Bagoduke bexolile bonke abadlali bamaqela aphumeleleyo kwitumente yokuqala yeNelson Mandela Bay Stadium.

Kulo nyaka, isigqeba esilawula ibala lembali sagqiba kwelokuba kubekho itumente yebhola ekhatywayo yamaqela anabadlali abasakhulayo.

Kwimpelaveki egqithileyo, iNelson Mandela Bay Stadium eyaziwa ngokusingatha imidlalo yeChippa United xa idibene namaqela adlala kwiPSL, ibisingathe imidlalo yebhola ekhatywayo yabantwana abangaphantsi kweminyaka elishumi ukuya kwabangaphantsi kwelishumi elinethoba. Injongo ephambili ebangele kusungulwe itumente ibikukunika abadlali abasakhulayo ithuba lokubonakalisa izakhono zabo zokudlala ibhola ekhatywayo.

Amaqela onke athathe inxaxheba ebenziwe ngabantwana bezikolo zaseBhayi. Izikolo ezithathe inxaxheba kwitumente yokuqala yeNelson Mandela Bay Stadium ziquke iPatterson High School, Elundini Full Service School namanye.

Nangona bekudlalwa imidlalo yebhola ekhatywayo – kodwa bekudlala amaqela enziwe ngabadlali abahlanu kwiqela ngalinye (5-A-Side). Amantombazana asePatterson High School agoduke encumile emva kokuba ephumelele indebe kwimidlalo yamaqela abadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu (U-15).

Indebe ikhatshwe yimali, iibhola neembasa. Sona isikolo saseLundini siphumelele indebe yabangaphantsi kweshumi elinesithathu.

Indebe yamaqela abadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinethoba iphunyelelwe yiPaterson High School. Nayo ithiwe jize ngeembasa, iibhola nemali ngaphezulu. Amanye amaqela aphumeleleyo yiFairview Warriors neBarca.

INelson Mandela Bay Stadium libala lembali emva kokusingatha imidlalo eliqela yeNdebe yeHlabathi ngo2010, imidlalo yePSL, imidlalo yaMabhokobhoko nemidlalo yeSouthern King.

Itumente evelise iintshatsheli okokuqala yeNelson Mandela Bay Stadium yenziwe kubanjisenwe nombutho olawula ibhola iSouth African Football Association.