Ivule umsantsa omkhulu iDowns ehleli phezulu kwiDStv Premiership

Yenze omnye umtsi omkhulu iMamelodi Sundowns esencochoyini yeDStv Premiership. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iSuperSport United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obumhle eLoftus Stadium ngokuhlwa namhlanje. Yenze imbali iSundowns ngokuphumelela imidlalo elishumi elinanye ilandelelana. Yonke le nto yenzeka phantsi kwesandla sikaRulani Mokwena owathatha iintambo kuManqoba Mngqithi kunyaka ophelileyo. Ngoku iSundowns inamashumi amane anesithathu amanqaku kwaye ibethwa ngumoya phezulu kwiDStv Premiership. Bekucaca ukuba ngumdlalo olidabi lasePitoli ebaleni noxa abalandeli bebengekho kakhulu. Omabini amaqela ahlaselene esebenzisa abadlali abanamendu.

Igowuli lithe gqi sekuphela isigaba sokuqala somdlalo ngebhola efakwe lichule, uNeo Maema, emva kokudibana nebhola ebhutyuzwe ngabadlali beSuperSport ebhokisini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambi ngegowuli elinye. Abuyele ebaleni amaqela omabini axhwithana njengakwisigaba sokuqala somdlalo. Kuye kwanyanzeleka Amatsatsantsa anyuse umxakatho ngoba ebehamba emva. Noxa iSundowns ibinento esandleni – kodwa khange iyeke ukusebenza. Umdlalo ubulawulwa yiyo esiswini. UThemba Zwane udlale kakuhle kakhulu noMaema bexhaswa nguTebogo Mokoena esizikithini sebala. Bekunzima kubadlali basemva beDowns ngenxa kaThapelo Masko obeyinkathazo kakhulu.

Abadlali abafana noRushine de Reuck noMothiba Mvala bachithe iibhola ezimbi kakhulu abadlali beSuperSport United befuna int’ebilapha. Emva kwempumelelo yanamhlanje, iSundowns ivule umsantsa weshumi elinesine wamanqaku phakathi kwayo neRichards Bay ekwindawo yesibini. Amakhwenkwe kaMokwena ebefana nacweyayo namhlanje ngoba alindwe ngumdlalo onzima ophakathi kwawo neKaizer Chiefs eyophisayo emva kokunkulwa ngaMaZulu emdlalweni obuseThekwini kwiveki ephelileyo. IChiefs iza kube ikhangela indlela yokufumana impindezelo eFNB Stadium emva kokuba yonzakaliswa yiSundowns ngamagowuli amane eqandeni kunyaka ophelileyo ePitoli. Umdlalo uza kuba ngoMgqibelo emalanga ngentsimbi yesithathu.