IWalter Sisulu ihlazwe yiWestern Cape embhoxweni!

Kusenzima kakhulu kwiWalter Sisulu University All Blacks ukoyisa iWestern Cape embhoxweni kwaye loo mbali isahleli ngobunjalo bayo.

La maqela angquzulene okweenkunzi zegusha kumdlalo wamagqibela kankqoyi weVarsity Shield, eKapa, ekuqaleni kwale veki.

Emdlalweni iWestern Cape ihlaze iWalter Sisulu ngo’55-10 iqinisekisa ukuba iyikhusela ngempumelelo indebe yeVarsity Shield.

Iwuqale ngesantya esiphezulu umdlalo iWSU, ihlasele macala ifaka iintshatsheli phantsi koxinizelelo olumandla elibangele ukuba ifumane ipenela eqatyeliswe nguLusanda Xakwana. Ankqenkqeze phambili ngo’2-0 amakhwenkwe kaSipho Metula.

Zibuye kakubi iintshatsheli zaseWestern Cape ezilele emgceni kahlanu kwisiqingatha sokuqala esiphele zinkqenkqeza phambili ngo’37-2.

Iphinde yayiWestern Cape ehlaseleyo nakwesesibini, ilele emgceni kathathu. Kanti yona iWSU izamile ukubuyela emdlalweni – kodwa kwabe sekonakele kakhulu. Ibilityeli lesibini engquzulana la maqela kule sizini.

Umdlalo wokuqala waphunyelelwa yiWestern Cape University ngo’42-5. KwiVasirty Shield antlithene kane la maqela, yonke loo midlalo iphunyelelwe yiWestern Cape University.

IWalter Sisulu igqibe itumente yeVarsity Shield ikwindawo yesibini. Lo nto ithetha ukuthi iza kudlala umdlalo wokulwela indawo kwiVarsity Cup eza kudibana kuwo neCentral University of Technology evale isizini emsileni.

Inyukela kwiVarsity Cup ngoku iWestern Cape emva kokutshatshela kwiVarsity Shield – kanti yona iMadibaz yaseBhayi ithotyiselwa kwiVarsity Shield emva kokungaqhubi kakuhle kwiVarsity Cup.