iWarriors FC ziintshatsheli zokuqala zeDStv Compact Cup

Iintshatsheli ezintsha zeDStv Compact Cup yiWarriors FC ebethe iCoastal United ngo’2-1 emdlalweni obuseFNB Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: Kaizer Chiefs.

Yenze imbali iWarriors FC ngokuba ziintshatsheli zokuqala zeDStv Compact Cup! Iqela likaDylan Kerr, obencediswa nguFani Madida noDavid Fadlu, libethe iCoastal United emdlalweni wokugqibela weCompact Cup obumhle eFNB Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Omabini amaqela aye kwisigaba sokugqibela setumente emva komsebenzi omhle awanze kwiveki ephelileyo. Iqela likaSteve Barker, iCoastal United, livuthulule iDinaledi FC ngamagowuli amathathu kwelinye. Yona iWarriors FC iphuncuke Amabutho FC engalindelanga ngamagowuli amabini kwelinye eMoses Mabhida Stadium. Umdlalo wanamhlanje utake iintlantsi zisuka njengoko bekulindelekile.

Emzuzwini wokuqala, uAshley Du Preez weStellenbosch, ufake igowuli elihle abadlali beWarriors besalele. Usebenzise impazamo embi eyenziwe ngabadlali basemva beWarriors. Khange iphele imizuzu emihlanu, iWarriors ifumene igowuli lokulinganisa elifakwe nguRuzaigh Gamildien weSwallows FC emva kwempazamo eyenziwe ngabadlali beCoastal United emva. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa macala. Emva kokufakwa kamagowuli, amaqela aqinise iziseko zawo zokhuseleko kuba ebengafuni ukubethwa. Nangona uKeagan Dolly noGamildien bezamile ukuyixikixa iCoastal United emva – kodwa abakwazanga ukugqobhola.

Phambi kokuqala kwesigaba sesibini, amaqela enze iinguqu enethemba lokuzuza amagowuli anokuwaphumelelisa. UNkosingiphile Ngcobo ufakiwe ngabalandeli beWarriors, bona abeCoastal United bafake uSammy Seabi endaweni kaNathan Sinkala. Nangona ekwazile ukudala amathuba kwisigaba sesibini – kodwa khange kubekho exhomisa amahle kwade kwangumzuzu wesithandathu phambi kokuphela komdlalo ngethuba iqhawe leWarriors, uGamildien, efaka igowuli lesibini emva kokufumana ibhola entle kuThabo Matlaba. Ngaphandle kwegowuli lokubika, iCoastal FC ebisimelele ngamadoda afana noThabo Nodada, uTaariq Fielies noThabo Makola, igoduke ngaphandle kwendebe.

Yona iWarriors ebixhathise ngabadlali abafana noHappy Jele no-Itumeleng Khune igoduke nendebe, iimbasa nemali ngaphezulu. Emdlalweni wokugabula izigcawu namhlanje, bekudibene Amabutho neDinaledi FC. Ifumene indawo yesithathu iDinaledi FC emva kokubetha Amabutho ngegowuli elinye elifakwe nguLesedi Kapinga. Amabutho avale itumente kwindawo yesine engaphumelelanga emva kwemidlalo emibini nangona ebedlala ibhola entle. Akukacaci nokuba iDStv Compact Cup iya kukhangelelwa indawo kusini na kwakhona yiPremier Soccer League kwisizini ezayo.

Coastal United: Masuluke, Farmer, Fielies, Mcaba, Mdunyelwa, Sinkala, Makola, Nodada, Mashego, Makgopa, Du Preez

Warriors: Khune, Matlaba, Jele, Munyai, Ngcobo, Lorch, Blom, Mbhele, Dolly, Peprah, Gamildien.