IWestern Province iphumelele ebunzimeni eSisa Dukashe Stadium

Abadlali beWestern Province bevuyela impumelelo emva kokubetha iBlue Bulls namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: SuperSport

Blue Bulls (14) 24

Western Privince (13) 28

  

Emva kwempumelelo eyisebenzele nzima, ngoku iWestern Province iya kumdlalo wamagqibela kankqoyi weSuperSport Rugby Challenge ifanelekile emva kokubetha iBlue Bulls ebilushica ngale njikalanga eSisa Dukashe Stadium. Umbutho wombhoxo ubambisene neSuperSport bazise le midlalo namhlanjane eMonti kuba iyeyona ndawo ewuxhasileyo ngaphezulu kwezinye iindawo lo mdlalo. Abantu bebephumile nangona bekukho umoya obhudlayo nengqele yobusika. Umdlalo wokugqibela uzakudlalelwa eKapa kwiveki ezayo.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Kuvele kwacaca ukuba kudibene omakade ezondana embhoxweni kulo mdlalo. IWestern Province, ebonakalise zisuka ukuba ifuna impumelelo, ilele emngceni kumzuzu wesibini umdlalo uqalile – kodwa ngelishwa usompempe uye wayohlwaya ngenxa yomdlali ekhokelise ibhola xa enikela omnye. Kuthe mva koko nayo iBulls idlale umdlalo odibeneyo futhi oya phambili. Ihambe phambili iBulls emva kokuba umdlali wayo u-Andries Swanepoel elele emgceni kumzuzu weshumi kwafakwa nepenela. Ifake amanqaku okulinganisa eWestern Province emva komsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bayo ogqityezelwe nguLuke Stringer olele emgceni. Ikhokele phambi komzuzu wamashumi amabini iWestern Province emva kokufumana ipenela kumhlaba weBulls. Ibhalise ebhodini kwakhona iBulls emva kokuba uFranco Naude elele emgceni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iBlue Bulls ihamba phambili ngo’14-13.

SuperSport Rugby Challenge's photo.

Nangona umdlalo uye wabambane nje kwisigaba sesibini somdlalo – kodwa omabini amaqela azamile ukukhangela iindlela zokufaka amanqaku. Omabini afumene iipenela kwisigaba sokuqala kwangaxeshanye aqhubele phambili nokudlala umdlalo omhle futhi obalekayo. UMasimla uqhaqhe amadoda weBulls phambi kokulala emgceni – yatsho yahamba phambili kwakhona iWestern Province. Iphindisile nayo iBulls kwimizuzu embalwa emva koko ngokulala mgceni. Ulele emgceni uCoetzee – omnye wabadlali ethembele ngabo iWestern Province. Umdlalo ubunzima kakhulu kwaye nangona iProvince ihambe nempumelelo – kodwa iyifumene ebunzimeni. Ziimpazamo ezincinane ezichane iBulls kulo mdlalo – ngapha koko enye nenye into iyenze kakuhle.