Njengokuba amaqela aquka iMamelodi Sundowns, Kaizer Chiefs kunye ne-Orlando Pirates esenza iinzame zokutyikitya umdlali weBidvest Wits, uSibusiso Vilakazi, eli qela lona likhangela isivumelwano esinokuthi simlungele lo mdlali uphambili.
Ukuhamba kukaVilakazi kungashiya isikhewu kwiClever Boys, ingakumbi kwicala leefolosi. Lo mdlali udlala esiswini ekwahlasela kwiBafana Bafana, ufake amagowuli asixhenxe abalulekileyo kwimidlalo engamashumi amabini amesihlanu kwisizini ephelileyo.
Kunganzima mpela kwiWits njengokuba eli qela lineenjongo zokukhulula abadlali ababini phambili uKris Bright noJoaquim Lupeta. IWits ityikitye umdlali omnye ozakudlala phambili uGabadinho Mhango.
Ukuba uyahamba ngenene uVilakazi kwiClever Boys, loo nto izakuthetha ukuba uJames Keene kunye negqala uHenrico Botes ngabo abazakudlala phambili. UCalvin Kadi khange akwazi ukuzibonakalisa nangona elinikiwe ithuba. Abanye abadlali ababini ekungajongwa kubo nguPhakamani Mahlambi noLiam Jordan abaselula ukunikwa uxanduva olupheleleyo.
Ngenxa yezi zizathu zikhankanywe ngentla kukho amarhe okuba iWits ingenza utshintso nelo qela, endaweni yokuba imthengise ngqo uVilakazi.
Ingazindaba ezimnandi ezi ingakumbi kwiMamelodi Sundowns, kuba lelona qela linabadlali abaziwa kakhulu, kwaye ayinokubasokolisa into yokukhulula abadlali abambalwa kwabo.
Omnye wabo badlali nongakhange afumane mdlalo kakhulu kwisizini ephelileyo ngu-Anthony Laffor.
Ubekelwe bucala ngenxa yento edibene nokuziphatha kwakhe emva kokuba engazange kudibana neqela kwangethuba, kumalungiselelo okuziqeqesha.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi