IWits igqejwe elingophiyo yiMaritzburg United emdlalweni wayizolo

Buhle Mkhwanazi of Bidvest Wits challenged by Thabiso Kutumela of Maritzburg United during the Absa Premiership 2019/20 match between Bidvest Wits and Maritzburg United at the Bidvest Stadium, Johannesburg on the 12 February 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amathuba
weBidvest Wits wokuphumelela indebe ye-Absa Premiership aphazamisekile emva
kokuba ibethwe ngegowuli elinye eqandeni (1-0) yiMaritzburg United evoke inj’
ebomvu emdlalweni wayizolo ebusuku obubanjelwe eBidvest Stadium. Iqela
likaGavin Hunt liye emdlalweni linethemba lokuzuza amanqaku apheleleyo ebeliza
kucutha ngawo umsantsa ophakathi kwalo neKaizer Chiefs ehleli phezulu kwiPSL.
Mhlawumbi, ukungabikho kwabadlali abafana noThulani Hlatshwayo onikwe ikhadi
elityheli emdlalweni weNedbank Cup, iWits ebethe kuwo i-Orlando Pirates ngo’3-2
kumapenela, kube negalelo ebekubethweni izolo. Iqela lika-Eric Tinkler,
iMaritzburg United, esele lithande ukuzibalula ngokuxhathisa xa lidlala
namaqela amakhulu, yoxuthe amanqaku amathathu emdlalweni ewuqale kakuhle kakhulu
izolo.

Bekufanele
iTeam of Choice ibhalise ebhodini kwangoko emdlalweni ukuba uJeremy Brockie
ebekwazile ukusebenzisa ithuba elihle alifumene ekuqaleni komdlalo. Igowuli
elifakwe yifolosi edlala kakuhle kakhulu, uThabiso Kutumela, lilo elinike
iMaritzburg United impumelelo ebalulekileyo. Njengokuba iWits ikwazile ukubuya
ngasemva emdlalweni ewudlale nePirates kwiveki ephelileyo – namhlanje itsho
phantsi kwaqhum’ uthuli. UHunt ufake uDeon Hotto noGift Motupa enethemba
leziphumo ezingcono – kodwa iMaritzburg yalile kwade kwase kugqibeleni.
Ukuxinga kweWits emdlalweni wayizolo ziindaba ezimbi kakhulu kuyo ngoba lo nto
icutha ithemba layo lokulwela iindebe ezimbini kule sizini. Ngoku iWits
neMaritzburg zinamanqaku alinganayo kwindawo yesine. Iqela likaTinkler liza
kudibana neChiefs emdlalweni onzima eFNB Stadium ngoMgqibelo.