IWits ihluthe umdlalo ngomzuzu wokugqibela kwaphela ngePirates

Deon Hotto of Bidvest Wits challenged by Ntsikelelo Nyauza of Orlando Pirates during the Nedbank Cup Last 32 match between Orlando Pirates and Bidvest Wits on 09 February 2020 at Orlando Stadium ,Soweto, Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva komdlalo
obunzima ngeyona ndlela, i-Orlando Pirates ikhutshiwe kwiNedbank Cup emva
kokubethwa ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) kumapenela yiBidvest Wits egqibe
umdlalo ingaphelelanga e-Orlando Stadium emalanga namhlanje. Umdlalo uphele
ingamagowuli amathathu macala (3-3) emva kwexesha elongezelelweyo. UZakhele Lepasa
ufake igowuli ekhokele ngalo iPirates [ngepenela] kwisiqingatha sokuqala
kwixesha lokuphumla. Iqhubele phambili nokulwa iWits ingaphelelanga injalo yade
yafumana igowuli lokulinganisa elifakwe nguGift Motupa emzuzwini wokugqibela.
Abadlali bamaqela omabini akaqhubanga kakuhle kumapenela – kodwa iWits iye
yakwazi ukuzifaka ezayo ezintathu, ngalo ndlela yaba ihlutha umdlalo obusele
usezandlenizePirates. Ngaphandle kwamathandabuzo, abadlali bePirates baza
kukhala ngoba yiyo ebinamandla wokuphumelela umdlalo emva kokukhutshwa komdlali
weWits.

Isiqingatha
sokuqala somdlalo sitshise zisuka. Amagowuli amabini afakwe nguDeon Hotto
no-Eva Nga ayibeke endaweni entle iWits kwakwisiqingatha sokuqala. Ilwile
iPirates yade yafumana awayo afakwe nguThembinkosi Lorch noHappy Jele. Umdlalo ubusemgangathweni
ophezulu kwaye ubunayo yonke into. Ngenxa yokuba shushu komdlalo, abadlali
beWits banikwe amakhadi alishumi. Amakhadi atyheli asibhozo kunye nabomvu
amabini (umdlali negosa elihlala ngaphandle). Noxa iPirates ingakwazanga
ukuphumelela – kodwa indlela elwe ngayo emdlalweni ibonise ukuba izimisele
kakhulu. Ngelishwa layo, ukuphuma kwayo kwiNedbank Cup kuthetha ukuthi akusekho
themba lokuphakamisa indebe kule isizini ukuba iKaizer Chiefs iqhuba kakuhle
kwiPSL. Kweminye imidlalo: iJomo Cosmos ibethwe ngo’1-0 yiHungry Lions, iBlack
Leopards ivuthulule iNorth West University ngo’4-0, iMbombela United ikhuphe iCape Town
City
ngo’1-0.

 

Pirates: Delle, Maela, Jele, Nyauza, Pule, Ndlovu, Makaringe,
Mabaso, Lepasa, Memela, Lorch

Amalalela: Mpontshane, Ndengane, Mako,
Mntambo, Dlamini, Shonga, Muwowo.

Wits: Goss; Hlanti, Gordinho, Mkhwanazi,
Hlatshwayo, Monare, Nange, Domingo, Hotto, Sekgota, Eva Nga.

Amalalela: Petersen, Nonyane, Pelembe,
Alexander, Doutie, Motupa, Dzvukamanja.