IWits ikhutshwe ngomva iCape Town City kwiMTN8

UGavin Hunt nabadlali bakhe bayakulala beneentliziyo ezibuhlungu emva kokukhutshwa ngomva yiCape Town City kwiMTN8 abayiphumelele kwisizini edlulileyo. ICity ingombe iBidvest Wits ngo’2-1 kumdlalo weMTN8 obudlalelwa eBidvest Stadium ngale njikalanga. Kumdlalo wokuqala wale MTN8 phakathi kwala maqela eKapa, iCity yayibetha iWits ngo’1-0. Le nto ithetha ukuthi uBennie McCarthy unethuba lokuphumelela indebe eseneenyanga ezimbini engumqeqeshi. Ukuba ingayiphumelela le ndebe iCity – iyakuba yeyesibini emva kokuphumelela iTelkom Knockout kunyaka ophelileyo isaqeqeshwa ngu-Eric Tinkler. Kumdlalo wamagqibela kankqoyi kuzawudibana iCitizens neSuperSport United eyingozi kakhulu ebethe iMaritzburg United ngo’2-0 eHarry Gwala Stadium ebusuku izolo.

UTinkler ushiye iCape Town City kuba esithi ufuna indawo anokuqokelela iindebe kuyo, ngoku uzakudlala nayo kwaye kulindeleke okokuba loo mdlalo ubenomtsalane kakhulu nanjengokuba kuzakube kujijiswana ngezigidi ezisibhozo zerandi (R8-million). Isiqingatha sokuqala besibaleka kakhulu kwaye namagowuli amabini angene kuso. Njengoko bekulindelekile, yiWits etsazise igazi kuqala ikhangela indlela yokuqabela kwigowuli elafakwa kuyo kumdlalo wokuqala eKapa. Igowuli lokuqala livele emva kokuba uShaib Walters engakwazanga ukubamba ibhola kaThulani Hlatshwayo ephethe ingqubeka kuRobyn Johannes. Emva koko u-Amr Gamal ugwaze umkhonto ekhaya emva kokungqubela ibhola ka-Ayanda Patosi emnatheni. Igowuli lempumelelo lifakwe nguLehlohonolo Majoro kumzuzu wamashumi asixhenxe ananye. Elo ligowuli eliyithathe iCape Town City layokuyilahla kumdlalo wokugqibela weMTN8 ozakudlalwa ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ezayo kwindawo engakachazwa kwaye izakube iqala ukudlala kuyo kwimbali yayo njengokuba ikwisizini yayo yesibini.

Bidvest Wits: Josephs, Hlatshwayo, Damjanovic, Scott, Gamal Amr, Pelembe, Pule, Hlanti, Pienaar, Kodisang, Frosler.

Cape Town City: Walters, Mkhize, Fielies, Johannes, Seedat, Nodada, Putsche, Modise, Masina, Majoro, Patosi.