Iwulungele umdlalo omkhulu iFNB

Oomakad’ezondana baseSoweto, iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates, baza kudibana kwakhona isihlandlo sesihlanu kulo Mgqibelo wale mpelaveki kumdlalo wetumente yosuku exhaswa liqhumrhu lotywala – iCarling Black Label.

La maqela ingawona makhulu nalandelwa sisininzi eMzantsi Afrika, adlala rhoqo le tumente phambi kokuvulwa kwesizini entsha. Kulapho abalandeli bala maqela omabini bathi bafumane ithuba lokuchonga abadlali abafuna badlale ngalo mhla, lo nto bayenza ngokuthi bavotele aba badlali besebenzisa iminxeba ephathwayo.

Kulindeleke ukuba iFNB Stadium igcwale ime ngeembambo ngabathandi bala maqela kunye nabathandi bebhola nje ngokubanzi.

Iqumrhu elilawula eli bala neliqinisekisa ukuba yonke into ihamba kakuhle phambi kwemidlalo lithi zonke izinto zime kakuhle kwaye kulindeleke eli bala lamkele abantu abangaphaya kwamawaka angamashumi alithoba – ngaphezulu kuneminye iminyaka.

“Xa sijonga indlela ahambe ngayo amatikiti kunye nabanye abanikisa ngeenkonzo – kubonakala ngathi siza kutsho ngaphaya kwembali eyenziwa ngumdlalo weNew Zealand neSpringbok ngo-2010.

Amawaka akumashumi alithoba nesine ngabantu abaninzi kakhulu kwaye kungangena abantu baseLoftus Versfelds Stadium kabini, sifuna ukwenza lo mbali.

Imidlalo emikhulu njengalo iyakholisa ukuba nabantu abangena ebaleni bengavumelekanga – kodwa sifuna ukuyicacisa ebantwini lo nto ukuba ayivumelekanga kwaye umntu owenza lo nto angatshutshiswa,” itshilo ingxelo ekhutshwe ngabaphathi bebala. Lo iza kuba ngumdlalo wokuqala kukho abaqeqeshi abazinzalelwane zalapha kweli loMzantsi Afrika nangona la maqela eza kuqeqeshwa ngabanye abaqeqeshi. Amabhaka-bhaka ngawo azokukhusela intshinga emva kokubetha Amakhosi ngo-2014.