Ixakathisa abasakhulayo ngezakhono iBukho Samarai Karate Academy

Phambi kokusongwa komnye umyaka, abadlali beKarate bathiwe jize ngezatifiketi namabhanti amatsha abonisa inkqubela abayenzileyo. Oku kwenzeke emsithweni obubanjelwe eBush Christian Campsite, eMonti, kutshanje. Iziko loqeqesho elaziwa ngokuba yiBukho Samarai Karate Academy ukusukela ngonyaka ka-2018 lizinze eQonce – apho lixakathisa abantwana abasakhulayo ngezakhono zokuzikhusela nezokudlala iKarati abo banomdla wokuziqaqambisa kuyo. Akuphelelanga apho ngokokutsho kukaMnu. Zolani Siswana, kwiziko labo bakhuthaza impilo entle ebantwini noluleko ngobomi ukuze umntu aphume ekwazi ukuziphatha kakuhle phakathi koluntu.

Lihlokondiba lamantombazana namakhwenkwe aselula azifumanele amabhanti amnyama aluphawu lokukhula emdlalweni weKarati nangokwasengqondweni. Amantombazana wona anikwa izakhono zeKarati ngokukhethekileyo ukuze akwazi ukuqubisana ngqo nokuzikhusela ebantwini abafuna ukubaxhaphaza ngokwezesondo. “Siguqula ubomi babantwana apha besakhula. Njengokuba ulwaphulomthetho luxhaphake kangaka kwezi ntsuku, siqeqesha abantwana ukuze bakwazi ukuzivikela kwizidlwengu nakwezinye izinto ezingayingozi kubo. Sisusa abantwana ezintweni ezimbi ezifana nolwaphulomthetho neziyobisi ngokubaqeqesha kwiKarati sibabonise nendlela ekuphilwa ngayo ebomini,” utshilo uMnu. Siswana oyintloko yeBukho Karate Academy.

Bebonke abadlali beKarati abanyuselweyo ngamashumi amathathu ananye. Abasibhozo kubo batsibe amanqwanqwa abalekayo baya phezulu emva kokubonisa ukuzinikela kwabo nolwazi abalufumeneyo ngomdlalo weKarati. Amashumi amabini anesithathu anyuselwe ngoba nabo baziqaqambise ngethuba bevavanywa ulwazi abalifunxileyo ukusukela ekuqaleni konyaka ukuzothi ga ekupheleni kwawo. “Sikholelwa kwelokuba ikamva lelizwe lixhomekeke ebantwaneni bethu. Esikutyala ebantwaneni bethi kuza kuba nefuthe kwindlela ilizwe eliphumelela ngayo. Yiyo lo nto sisenza le nto. Abanye abantwana bayasokola. Sidinga inkxaso yabezoshishino ukuze bakwazi ukuthengelwa izinto zokudlala. Abantwana bathu baza kuya eKapa kwitumente yabanamabhanti amnyama abaselula,” uvale ngaloo mazwi uMnu. Siswana.