Ixake noBenni eyenzeka kwiBafana

Benni McCarthy

Owayeyifolosi ephambili kwiBafana Bafana ngentsuku zakhe, uBenni McCarthy, uxakiwe ukuba kutheni kwade kwaleli xesha iqela lesizwe lingenaye umqeqeshi omtsha.

UMcCarthy uxelele iintatheli ezi ndaba ngoLwesibini wale veki kumsitho wokuphehlelelwa kweCarling Black Label, eGoli. Ekuqaleni kwalo nyaka, iSafa, yanika ikomiti eyayinoomakhwekhwetha bebhola ekhatywayo uxanduva lokukhangela indoda efanele ukuqeqesha iBafana Bafana.

Iinyanga ezintlanu ziphelile ukusukela mhla kwagxothwa uShakes Mashaba – kodwa kude kube ngoku – akukacaci ukuba uyakufunyanwa nini umqeqeshi yiSafa.

“Ndazigqibela ndingomnye wabantu ababenikwe umsebenzi wokukhangela umqeqeshi omtsha – kodwa andazi nokuba kweenzeka ntoni ngoku,” utshilo uBenni.

“Bendicinga ukuba kwakuthi kuba leli xesha abe ekhona umqeqeshi. Kuyabonakala ukuba kukho into ebambileyo endingayaziyo, ndisebumnyameni nam njengani. Andazi ukuba kwenzeka ntoni,” utshilo uBenni kwiintatheli.

Umqeqeshi omtsha unomsebenzi onzima omlindileyo wokuthatha iqela lesizwe alise kwindebe yehlabathi eseRussia ngo’2018.

“Kubi ukungabikho komqeqeshi sinomdlalo neNigeria kwiiveki ezizayo. Asazi nokuba umqeqeshi obambeleyo, * -Owen Da Gama, uzakubambela nakulo mdlalo ozayo okanye kwakube kukho umqeqeshi omtsha. Iyababhidisa ke abadlali le nto ngoba balindele umqeqeshi omtsha,” utsho uBenni.