Ixhaywe seyibophe imithwalo iSundowns isiya emdlalweni weCaf Champions League

IMamelodi Sundowns ixhaywe seyilungele ukuntingela kwilizwe lase-Algeria apho ibiza kudibana neCR Belouizdad emdlalweni weCaf Champions League obubekelwe umhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga. Liqela lesibini (iSundowns) lalapha eMzantsi Afrika elingavunyelwanga lingene kwizizwe zama-Arab. Kwiveki ephelileyo, iKaizer Chiefs ayivunyelwanga yiMorocco – apho ibiza kudibana khona neWydad Casablanca emdlalweni weChampions League.

Ngokungafaniyo neChiefs engazange izinikwe iincwadi zokundwendwela – yona iSundowns ibisele izifumene. Abaphathi beSundowns bafumene incwadi phambi kokusuka kweqwelomoya e-O.R.Tambo Airport ethi umbutho olawula ibhola e-Algeria ucele umdlalo uhlehliswe.

“Sithi masazise ukuba iMamelodi Sundowns ayisayi emdlalweni weCaf Champions League ebiza kudlala kuwo neCR Belouizdad ngoLwesibini kwiveki ezayo emva kokufumana umyalezo kwiCaf. Isizathu sokuchithwa komdlalo kuthiwe sibangelwe yimiqathango yeKhorona ebangela kube nzima ukungena e-Algeria,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSundowns izolo.

Umbuzo: Bekutheni ukuze iSundowns izinikwe iincwadi zokundwendwela xa kanti akungenwa e-Algeria? Lowo ngumbuzo ongaphenduleka mhlawumbi kwintlanganiso ephakathi kweCaf, iSafa namaqela waseMzantsi Afrika namhlanje. Nawo umba weChiefs awukacaci emva kokuba iYiphutha ingavumana ukusingatha umdlalo wayo neCasablanca nangona ibivumile ekuqaleni.