iXolilizwe High School ziintshatseli zeLwazi Super 8 edlalelwe eGcuwa namhlanje

Inqununu yaseXolilizwe High School, uLusizo Butshingi, uthi impumelelo yesikolo sakhe kwiLwazi School Super 8 Festival luphawu lokubuya kweentsuku zobumnandi. Umfanekiso: Bheki Radebe

Inqununu yaseXolilizwe High SchooluLusizo Butshingi, uthi impumelelo yesikolo sakhe  kwiLwazi School
Super 8 Festival luphawu lokubuya kweentsuku zobumnandi. Ukuthethe oku emva kokuba iXolilizwe ibethe iNdabankulu
Senior Secondary ngo’4-1 kumapenela emdlalweni wokugqibela eMsobomvu Stadium ngenjikalanga
namhlanje. Umdlalo ubushushu kwaye
utsala umdla wabantu, izikolo zozibini zoyisakele ukufaka amagowuli kwixesha
elimiselweyo ngenxa yoonozinti abenze umsebenzi oncomekayo. Kwisingqingatha sokuqala, isikolo sakuGatyane, ibesesona
esifumene amathuba acacileyo aliqela ngenxa yomdlali omhle, uZusakhe Mqikela, odlale
ibhola ephucukileyo kakhulu.

                                      Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor  

Umdlali weXolilizwe High School ngethuba idlala neNdabankulu S.S.S emdlalweni obuseMsobomvu Stadium, eGcuwa. Umfanekiso: Bheki Radebe.

Kodwa iXolilizwe ayikwazanga ukuwasebenzisa loo mathuba
kwade kwayiwa ekhefini.
INdabankulu
S.S.S ibuye ivutha kwisigaba sesibini, iwulawule umdlalo phantse sonke isigaba
sokugqibela somdlalo – kodwa nayo ayikwazanga ukuwasebenzisa amathuba.

Kuye kwanyanzeleka kuyiwe echaphazeni – apho abadlali
ababini beNdabankulu S.S.S bengakwazanga ukufaka amapenela, logama abadlali
abane beXolilizwe bekwazile ukuzifaka ezabo.
UButshingi, obekwe kutshanje njengenqununu, uthe impumelelo
yesikolo sakhe ibuyisela iintsuku zobumnandi eXolilizwe.
“Impumelelo yethu kule tumente siyinikela kwiKumkani
yamaXhosa, uMpendulo Sigcawu, kuba nesikolo sizinze kwiKomkhulu kwaye
sikwavuselela neentsuku zobumnandi eXolilizwe,” utshilo uButshingi ecwayitile.

Kwiminyaka edlulileyo okaButshingi wazenzela
udumo kwisikolo ekuthiwa yiSolomzi High School, kuCentane, ngexesha eyinqunu
khona khona – abafundi bakhe baphumelela emagqabini (100%) kwiziphumo zebanga
leshumi.
Njengokuba isikolo sakhe
siphumelele itumente yeezikolo ebiqalwa kulo nyaka, siye sagoduka nemali
eyiR8000, indebe neembasa zeegolide.
Yona
iNdabankulu S.S.S ifumene imali eyiR4000 neembasa zesilivere. Izikolo zozibini
ziye zanikwa ezinye izikipa ezintsha ngabaququzeleli beLwazi Project 
ibambisene noMultiChoice – obengumxhasi.
Umdlali
obalaseleyo kwitumente yonke ibe nguZusakhe Mqikela (17) ofumene iR1000
waphinda wafumana iR500 ngenxa yokuba ngumdlali ofake amagowuli amaninzi.