Iya edabini elinzima kakhulu iPirates

UThembinkosi Lorch ngomnye wabadlali ekungathenjelwa kubo xa iOrlando Pirates ingquzulana neHoroya emdlalweni weCAF Champions League kule veki. Umfanekiso :Samuel Shivambu/BackpagePix

Amandla nobukrelekrele zezinye zezinto eziza kuvavanywa kwiOrlando Pirates xa idlala umdlalo obalulekileyo ngempelaveki.

NgoMgqibelo, iPirates iza kulwela ukuya kumjikelo olandelayo weCAF Champions League xa idibana neHoroya emdlalweni ekunyanzelekileyo iwuphumelele eConakry, eGuinea.

Ikamva leBucs limfiliba emva kokuba ibambene ngo’2-2 neFC Platinum yaseZimbabwe emdlalweni obunzima kwiveki ephelileyo.

Noxa kuphantse konakala emdlalweni ogqithileyo kodwa amagowuli amabini afakwe nguThembinkosi Lorch noAugustine Mulenga akwazile ukuyihlangula iPirates.

Ihleli kwindawo yesithathu iBucs ngamanqaku amathandathu kuGroup B.

Phambi kwayo yiHoroya enamanqaku asixhenxe emva kwe-Esperance ebethwa ngumoya phezulu.

Ukuba iPirates ibikwazile ukubetha iPlatinum, ngoku ngekuthethuba iqinisekile ngendawo yayo kumjikelo olandelayo weChampions League.

AmaBhakaniya abuyele kwimidlalo yeCAF kunyaka ophelileyo emva kokuvuselwa nguMilutin

“Micho” Sredojevic owafika kunzima kuwo.

UMicho uyazi ukuba iqela lakhe kufuneka lidlalele ukufa nokuphila eGuinea kwaye unethemba lokuba amasoja wakhe aza kulwela ukuhlala kolona khuphiswano lubalulekileyo ebholeni yaseAfrika.

“Besifuna amanqaku amathathu kwiPlatinum ebeza kwenza sidlalele inqaku elinye emdlalweni esiya kuwo. Ngoku kufuneka sidlale ngathi sisemdlalweni wokugqibela ngokuba yimpumelelo yodwa eyakusinceda ukuze siye phambili.

Ndibaqhwabela izandla abadlali bethu abalwileyo emdlalweni ogqithileyo.

Sizimisele ukulwa eGuinea ukuze sifumane indawo kumjikelo olandelayo.

Into nje eyingxaki kukuba iyakelema kokwayo iHoroya,” utshilo uMicho ethetha namajelo eendaba.

Nakubeni iPirates yenze umqela obonakalayo kwiChampions League nakwiPSL – kodwa uMicho uphantsi koxinizelelo emva kokuba iphoswe ziindebe ezintathu zonke kule isizini.

UMicho unethemba lokufumana nokuba inye kwezi zimbini isabambelele kuzo iPirates.

Umsebenzi kaMicho ungagqibelela ukuba angayinika indebe iPirates. “Kunyanzelekile siphumelele. Ndingumntu ohleli ngethemba njengokuba ndingumqeqeshi weli qela. Kufuneka sizithembe futhi sikholwe ukuba siza kuwuphumelela umdlalo,” uvale ngaloo mazwi uMicho.