Iya kumdlalo wokugqibela iFrance emva kokunikezela kweBelgium

Samuel Umtiti (L)of France celebrates with teammates after scoring the opening goal during the FIFA World Cup 2018 semi final soccer match between France and Belgium in St.Petersburg, Russia, 10 July 2018. By: GEORGI LICOVSKI / EPA

Kugqityiwe,
iFrance iza kudlala umdlalo wokugqibela kwi-2018 FIFA World Cup nelizwe
eliphumeleleyo phakathi kweCroatia neNgilane emva kokunikezela kweBelgium
kumdlalo obuseSaint Petersburg Stadium namhlanje. Umdlali wasemva, uSamuel Umtiti,
ungcangcazelise umnatha kumzuzu wesihlanu kwisiqingatha sesibini somdlalo. Lelo
gowuli elithe lasondeza iFrance kwiphupha layo lokuphakamisa eyona ndebe
inexabiso kwibhola yehlabathi. Liphelile ithemba leBelgium lokuya kumdlalo
wokugqibela okokuqala embalini yayo kwindebe yehlabathi.

Ukubethwa kwayo
iBelgium yinto abalandeli bayo abangangayamkeli ncam ngoba yiyo ebiqale
yabonisa amandla emdlalweni nangona ingakwazanga nje ukufumana igowuli. Umdlali
waseswini weBelgium, u-Eden Hazard, ebesenza unothanda kwiindawo eziyingozi
emhlabeni weFrance – kodwa namhlanje iBelgium iphoxhwe bubuthuntu bukaRomelu
Lukaku phambili oze emdlalweni ekhangela igowuli lesihlanu. UKavin du Bruyne,
owabhokodisa iBrazil kwiveki ephelileyo, ngomnye wabadlali abazamileyo ukudlala
umdlalo ophucukileyo – kodwa ngelishwa izinto azivumanga namhlanje.

  

Unozinti weFrance,
uHugo Lloris, ubonisile ukuba ungumdlali osezingeni eliphezulu futhi oluncedo
kakhulu kwilizwe. Iibhola azivalileyo kwizigaba zozibini zomdlalo ziyigcine
isemdlalweni iFrance. Amendu kaKylian Mbappe ayincedile iFrance – kodwa u-Olivier
Giroud akakwazanga ukusebenzisa iibhola ebezimane ukuthi gqi emacaleni. Amakhwenkwe
kaRoberto Martinez
agoduka ekhathazekile – kodwa eyenzile indima yawo ekufanele kukuqhwatyelwa
izandla ngabantu baseBelgium eze kwindebe yehlabathi yothuba abantu abaninzi
ngomdlalo ophucukileyo.

   Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor  

Kwimizuzu yokugqibela,
iFrance ibiphantsi koxinizelelo – kodwa abadlali bayo bakwazile ukuxhathisa
nokukhusela igowuli abalifumeneyo. Ikwazile kekambe iFrance ukudlala umdlalo
ozinzileyo phaya naphaya. Ngoku iza kulinda ephumeleleyo kumdlalo ophakathi
kweCroatia neNgilane ngomso. Umdlalo wokugqibela wendebe yehlabathi uya
kudlalwa ngeCawe ngentsimbi yesihlanu emalanga eMoscow.

Belgium: Thibaut Courtois, Jan Vertonghen, Vincent
Kompany, Toby Alderweireld, Kevin de Bruyne, Marouane Fellaini, Axel Witsel,
Moussa Dembele, Macer Chadli, Eden Hazard, Romelu Lukaku.

France: Hugo Lloris, Lucas Hernandez, Samuel Umtiti,
Raphael Varane, Benjamin Pavard,  Blaise
Matuidi, Ngolo Kante, Antonine Griezmann, Paul Pogba, Kylian Mbappe, Olivier Giroud.