Iyabiwa imali kaSenzo Meyiwa kule veki

Nangona usapho lakwaMeyiwa lususesentlungwini emva kokushiywa ngunyana walo kunyaka ongaphaya kwalo uphelileyo, kodwa iindaba ezimnandana zithi, kule veki i-Orlando Pirates izakukhupha imali ye-inshorensi kaSenzo Meyiwa.

Oku kubhengezwe ngusihlalo we-Orlando Pirates, * -Irvin Khoza, ekupheleni kweveki ephelileyo. “Zonke izinto ezimayela nemali ye-inshorensi kaSenzo siyaziphetha ngoku, okuseleyo kukudibana nosapho lwakwaMeyiwa,” utshilo uKhoza.

Le mali ejongwe ngamahlo abomvu ngenxa yomlo ophakathi kukayise kaSenzo noKelly, iqikelelwa phaya kwizigidi ezihlanu zeeRandi [R5 million]. Nangona kungekaziwa ukuba ngubani oyena mntu uzakuxhamla kule mali kuba uSenzo wabhubha engalabanga ilifa lakhe, kodwa abantwana bakhe ababini kulindeleke bafumane isixa esikhulu.

Umntwana wokuqala ngokaMandisa Mkhize omnye ngowentombi awayethandana nayo uKelly Khumalo.

Amapolisa asakhangela umntu owabulala uSenzo endlini kaKelly kunyaka ongaphaya kophelileyo.