Uyahamba naye uNorman Mapeza kwiChippa United?

Norman Mapeza coach of Chippa United during the Absa Premiership match between Supersport United and Chippa United on 24 January 2020 at Lucas Moripe Stadium, Pretoria , Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Abasemfuthweni
wolwazi bathi ingathi iChippa United iza kulahlekelwa ngomnye umqeqeshi
lungaphelanga usuku lwanamhlanje. Iigxelo zithi uNorman Mapeza ucele
intlanganiso nosihlalo weChippa United, uMnu. Siviwe Mpengesi, ekulindeleke
acele ukushenxa kuyo. I’solezwe lesiXhosa lizamile ukuqhakamshelana
nabasemagunyeni – kodwa libuye nelize. UMapeza wafika kwiChippa United kunyaka
ophelileyo kunzima kakhulu emva kwesiqalo esibi sesizini eqhubekayo. Wangena
endaweni kaClinton Larsen owakhonjwa emnyango emva kwemidlalo emihlanu qha.
Emva kwethuba, uMapeza waye wayonyula engxakini iChippa yade yaphakathi
kwamaqela asibhozo aphambili kwiPSL.

Umyalelo
awawunikwayo yaba kukusindisa iqela ezembeni. Nangona iqela likwazile
ukuqokelela amanqaku emidlalweni eliqela ekuqaleni kwalo nyaka – kodwa liye
labethwa kweminye imidlalo. Kwiveki ephelileyo, iChippa United ibethe AmaZulu
ngegowuli elinye eqandeni yatsho yabhekela kancinci ezembeni. Nakubeni kukho
loo qabu – kodwa ayikaphumi ngokupheleleyo engxakini. UMpengesi uyaziwa
jikelele ebholeni yaseMzantsi Afrika ngokugxotha abaqeqeshi. Kunokwenzeka
ukuhamba kukaMapeza kuphenjelelwe lixhala lokulwela izembe njengokuba kusongwa
isizini. IChippa ihleli kwindawo yeshumi elinambini emva kokubetha AmaZulu
asekugqibeleni.