Iyangcambaza iBucks kwiNFD

Iqela lalapha eMpuma Koloni iMthatha Bucks lidlale ntanganye kumdlalo weNational First Division phakathi kwalo neThanda Royal Zulu, eMhlanga Sports Complex eThekwini.

IBucks ifumene inqaku elinye elibalulekileyo nangona ingazokuya ndawo okwalo mzuzu. Kodwa inethuba lokuzimela ukudlala kwiplayoffs.

Lo mdlali nobumisiwe ngenxa yemoyezulu, wawufanele ukudlala kwiveki ephelileyo. IBucks iqale kakuhle kakhulu kulo mdlalo ngokwenza amathuba acacileyo.

Umdlali odlala phambili uPetrus Ngebo ufake igowuli lokuqala leBucks ngomzuzu weshumi elinesine, xa ebegqibezela ibhola ibisuka ecabangeni.

Iphinde yanguNgebo ofake igowuli lesibini leBucks xa kuza kuphela isiqingatha sesibini, ngelixa engquba ibhola ayinikwe nguMbhele.

IThanda khange ilahle themba kuba uPhilani Dlamini ufake igowuli lokuqala, uKhomane wabuya wafaka elokulinganisa sele uzakuphela umdlalo.