Iyaqhuba imidlalo kaSodolophu eSakhisizwe

Lonyukile inani lamaqela angenele imidlalo yendebe kaSodolophu, eCala, naseKhowa kumasipala weSakhisizwe kulo unyaka xa kuthelekiswa nogqithileyo.

Oku kudandalaziswe ngomnye wabaququzeleli beSakhisizwe Local Football Association(SLFA), uDelihlazo Bambatha, kudliwano ndlebe neIi phephandaba lesiXhosa.

UDelihlazo uthi kumenza achulumance ukubona abantu abatsha bamaqela emidlalo kuzo zonke iiwadi zalo masipala beyithathela phezulu imidlalo.

Le nto uthi ibonakalisa ukuba abantu abatsha bayalisabela ikhwelo labo lokubuyela emidlalweni bohlukane neziyobisi notywala.

Umququzeleli uthe:”Eyona nto indenza ndizingce nangakumbi kukubona amaqela eqalisa ebheka phambili, kodwa engekaqiniseki ngeyona nto ayidlalelayo, njengoko sisazakuhlala intlanganiso nosodolophu wethu, uMlamli Jentile, kwiveki ezayo sive ingxelo.

Le nto ichaza mhlophe ukuba into esiyifunayo kukudlala ibhola siphuhlise izakhono zolutsha lwasezilalini. Noxa siwafuna nje amabhaso ukuze sikhuthazeke, kodwa akuyonto siyikhokhelise phambili”.

UDelihlazo uqhube wathi oku kungqinwa nayinto yokuba kukho amaqela asaqhubeka edlala kodwa amabhaso wawo wonyaka ophelileyo awakawafumani, kodwa nalowo umba bazakuwuchophela kwintlanganiso yabo noSodolophu.

Le midlalo iqale kwiveki edlulileyo kwaye kuzakudlalwa imidlalo yamagqibela kankqoyi ziiwadi zaseCala kule mpelaveki.

ECala amaqela aya kwimidlalo yamagqibela kankqoyi liqela leSeven Stars kunye neYoung Brazillians, kwaye azakunyathelana kwibala i-Indoor Sports Centre ngomgqibelo.

Eli qela leSeven Stars likwaliqela elivale likwindawo yokuqala kuluhlu lweSLFA eCala kule sizini iphelileyo.

UBambatha uvale ngokutsho ukuba nangona amaqela esanda, kwaye edlala nje kwicala lenkxaso akukabikho tshintsho basasokola.