Iyeke amathuba iChippa United emdlalweni odikidiki eMoses Mabhida Stadium

Thabo Rakhale of Chippa United challenged by Itumeleng Khune of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Chippa United at Moses Mabhida Stadium, Durban on 10 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Igoduka
igoqoza nenqaku elinye iChippa United emva kokudlala ntanganye ngeqanda
neKaizer Chiefs emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obudikidiki eMoses
Mabhida Stadium ngale ntlwa. Umdlalo udlalelwe ebaleni elingenabalandeli kuba
iChiefs ibigqibezela isigwebo eyasinikwayo emva kokuba abalandeli bayo bathi
bamosha izinto phambi kokuphela kwesizini yePSL ka-2017/18. Akukho nto enokubaliswa
ngomdlalo – kodwa iChippa ibinalo ithuba lokuqokelela amanqaku amathathu ngoba yiyo
ebinamathuba acacileyo emdlalweni. Izihlandlo eziliqela kuye kwanyanzeleka u-Itumeleng
Khune anqande amanzi engena endlini ngenxa yokuyekelela kwabadlali bakhe basemva
abe bephantsi koxinizelelo obelufakwa yiChippa United kwisiqingatha sesibini.

Nangona
ibiyiKaizer Chiefs ebilawula umdlalo phantse sonke isiqingatha sokuqala – kodwa
yiChippa United ebingcono kwicala lokudala amathuba. UThabo Rakhale bekumele
wenze ngcono xeshikweni efumana ithuba kwimizuzu yokuqala emdlalweni. Unozinti
weChiefs, u-Itumeleng Khune, uye waphuma emhlabeni wakhe ezama ukunqanda ibhola
ebimbi. Uyiphuncule ibhola yadibana noRakhale okhabe ibhola engenamandla.
Khange kuphelele apho ngoba naye uLerato Manzini unikelwe ibhola entle nguKurt
Lentjies – kodwa watsho ukukhaba ibhola engagcwelanga. Iifolosi zeChiefs
azikwazanga ukugqobhoza ngoba abadlali beChippa emva bebevale mba bencediswa
nguDaniel Akpeyi ovale amathuba athile ebengenabungozi kangako.

Ngomzuzu
wamashumi amahlanu anesibini uRakhale ukhabe ibhola ephume ecaleni kwepali
ejongene noKhune. Ibilithuba elihle lokubeka iChippa United endawenii entle
emdlalweni. Aphantse asinda engozini kwakhona Amakhosi emva kwebhola ekhutshwe
ngentloko nguSiyabonga Ngezana. Kuye kwanyanzeleka uKhune asebenze futhi emva
kwebhola entle ebikhatywe nguManzini. Phantse sonke isiqingatha sesibini,
yiChippa ebinamandla futhi ikwayiyo ethe yadala amathuba acacileyo nakubeni
ingakwazanga ukubeka ibhola emnatheni. Ukungena kukaMark Mayambela kuwufunqule
umdlalo wamakhwenkwe ka-Eric Tinkler – kodwa ingxaki ibikukungakwazi ukufaka
ibhola emnatheni. Umdlalo uphele amaqela ebambene ngeqanda macala kumdlalo
obungeshushwanga kuyaphi.

  

Kaizer Chiefs: Itumeleng Khune, Ramahlwe Mphahlele, Mario Booysen,
Willard Katsande, Siyabonga Ngezana, Godfrey Walusimbi, Hendrick Ekstein,
George Maluleka, Philani Zulu, Khama Billiat, Leonardo Castro.

Chippa United: Daniel Akpeyi, Frederic Nsabiyumva, Boikanyo
Komane, Thato Mokeke, Zitha Macheke, Kurt Lentjies, Tercious Malepe, Tebogo
Tlolane, Thabo Rakhale, Ruzaigh Gamildein, Lerato Manzini.