Iyeke umdlalo Highlands Park sowusesandleni namhlanje eSisa Dukashe Stadium

IHighlands Park neStellenbosch zibambene ngo'2-2 emdlalweni weDiski Challenge obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo

IHighlands Park ngeke ingazisoli emva kokuyeka
iStellenbosch sibuye ngasemva emdlalweni weMultiChoice Diski Challenge obutshisa
ophele ingu’2-2 eSisa Dukashe Stadium emini namhlanje. Amaqela aye ohlulelana
ngomdlalo: isiqingatha sokuqala silawulwe yiHighlands Park eye kwixesha
lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amabini kwelinye. Iqela laseNtshona
Koloni lisithathele kulo ngokupheleleyo isigaba sesibini kwaye libe nelishwa
oko lingaphumelelanga ngoba lidale intaphane yamathuba. Iza kuhlala kwindawo
yesihlani iHighlands
Park
emva kokuzuza inqaku
elinye. Emva kwamashumi amabini anesithandathu, iHighlands inamashumi amane
anesibini wamanqaku. Yona iStellenbosch iza kuhlala kwindawo yethoba emva kokuqokelela
amanqaku angamashumi amathathu anesibhozo. UWellem Jackson ugoduka engaxolanga
emva kokuba abadlali bakhe bephise ngomdlalo kwisigaba sesibini somdlalo.

Image may contain: 9 people, outdoor

Isiqingatha
sokuqala besisihle kakhulu. Amaqela ahlaselene nangona iyiHighlands Park
edale amathuba acacileyo kwasekuqaleni komdlalo. Emva kwemizuzwana abadlali
befundana, umdlalo uye kwelinye izinga ngethuba uThalente Mbatha ebhakuzelisa
umnatha emzuzwini wesithandathu. Igowuli elifakwe nguMbatha, okwaphose ipenela
emdlalweni, ibe ziziphumo zomdlalo omhle obudlalwa ngamakhwenkwe kaWillem Jackson. Abadlali
beStellenbosch banyuse umxakatho bakubona okokuba iHighlands Park
ingxamele ukufaka igowuli lesibini. Unozinti weHighlands, uSiyabonga Mabhena,
uvale ibhola enzima ebivathwe nguTaariq George ephakathi ebhokisini. Emva
komzuzu, uGeorge uphose elinye ithuba endaweni entle emva kokufumana ibhola
kuDanov Titus. UJayden Adams ufake igowuli lokulinganisa leStellenbosch
emzuzwini wamashumi amabini anethoba. Umgangatho womdlalo uya wafunquka
ngakumbi, iHighlands ihambe phambili ngo’2-1 emva kwegowuli elifakwe nguCamren
Ashby emzuzwini wamashumi amane.

Image may contain: 7 people, outdoor

Iqela
laseNtshona Koloni, iStellenbosch, lihlasele zibekwa kwisigaba sesibini
somdlalo emva kokuya kwixesha lokuphumla lihamba emva. Amakhwenkwe kaJackson
ayibeke phantsi ibhola yawo emizuzwini yokuqala emdlalweni obudlala litshisa
ilanga eMdantsane. UJayden Adams noTaariq George bebeyinkathazo nakwisigaba
sesibini – kodwa abadlali beHighlands bazamile ukubathintela. UMbatha ofake
igowuli lokuqala emdlalweni uzamile ukukhaba ibhola ekude emzuzwini wamashumi
amathandathu – kodwa iye yaphuma ecaleni. UMbatha ubambe ibhola edlalwe kakuhle
ngabadlali beStellenbosch abafana no-Emeraa Rayners noJayden kwicala
lasekunene. Iquqe ibuyelela iStellenbosch – kodwa akavuma uMbatha ezipalini.
Umzuzwi asixhenxe anesixhenxe, uRayners ufake igowuli lesibini leStellenbosch
kwisiqingatha ebesilawulwa yiyo. UQuintin Stokes-Waller, obe ngoyena mdlali
obeqhwatyelwa  kakhulu, ngeke alityalwe
ngabalandeli emva kwebhola zakhe azikhabele unozinti eSisa Dukashe Stadium. Umdlalo
uphele entanganye.

  

Stellenbosch: Luther Jacobs, Shawn Isaacs, Jayden Wakefield,
Darren Pietersen, Inga Nyeleka, Kyle Matthews, Devon Titus, Tristan Hanslo,
Taariq George, Jayden Adams, Emeraan Rayners.

Amalalela: Lebogang Nthene, Jamie Craak, Olwethu Baliso,
Quintin Stokes-Waller.

Highlands Park: Innocent Mabhena, Siphamandla Ncanana, Ronal
Frans, Thalente Mbatha, Siphosethu Baphi, Khululekani Shezi, Mthokozisi Ndlovu,
Camren Ashby, Lucky Mdingi, D’angelo Kazeem, Lesego Sebetlela.

Amalalela: Siyabonga Gumede, Logan Brown, Kutlwano Ntholeng, Santino
Smith, Samkelo Njani