Iyivule kakuhle isizini iChippa United, yona iPirates ibanjwe siStellenbosch

Bancumile abalandeli beChippa United emva kokuba iyivule kakuhle isizini ngokuphumelela umdlalo wayo wokuqala. IChippa ibethe abatshakazi, iSekhukhune United, ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obuseMakhulong Stadium emalanga namhlanje. Lo mdlalo ibingumdlalo wokuqala phantsi kwesandla sikaGavin Hunt ofike eGqeberha emva kokugxothwa yiKaizer Chiefs phambi kokusongwa kwesizini egqithileyo. Idlalela kakuhle iSekhukhune United – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukufaka ibhola emnatheni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChippa ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguZulu – oye wachongwa njengomdlali oqaqambileyo emdlalweni.

Komnye umdlalo, iGolden Arrows izibethele iMaritzburg United ngo’2-1 emdlalweni obulidabi lobukhaya KwaZulu-Natal. Ukuphumelela kwaBafana Bes’thende namhlanje ziindaba ezimnandi emva kokwenza umtsi oyaphambili nakwiMTN8. Yona i-Orlando Pirates ibambane ngo’2-2 neStellenbosch emdlalweni obuse-Orlando Stadium. Ihambe phambili kuqala iPirates amatyeli amabini – kodwa ekugqibeleni, iStellenbosch sikwazile ukufaka amagowuli amabini okulinganisa. Emdlalweni wokuqala izolo, iMamelodi Sundowns izibethele AmaZulu ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuseLoftus Stadium.