Iyophisa iMamelodi Sundowns emva kokubethwa eCairo kwiCAF Champions League

IMamelodi Sundowns ibethwe yi-Al Ahly ngo'2-0 emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eCairo namhlanje ngorhatya. Umfanekiso: CAF/Facebook

Amakhwenkwe
kaPitso Mosimane abuyela ekhaya esophisa emva kokubethwa emdlalweni
wanamhlanje. IMamelodi Sundowns ibethwe ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) yi-Al
Ahly emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eCairo ngokuhlwa
kwanamhlanje. Amagowuli womdlalo wanamhlanje afakwe ngumdlali ekuthiwa ngu-Ali
Maaloul kwisigaba sesibini somdlalo. UMosimane namakhwenkwe wakhe bantingele
kwelaseYiphutha (Egypt)
ekuqaleni kwale veki bencwase ukubuyela ekhaya okungenani nenqaku elinye kuba
besazi kakuhle okokuba akungeke kube yinto elula ukubethela iAl Ahly phambi
kwenyambalala yabalandeli bayo eCairo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungeko qela
elikwazileyo ukubhalisa ebhodini futhi iSundowns isaxhathise kakuhle.

UDenis Onganyo
ebengomnye wabadlali abathathe inxaxheba emdlalweni wanamhlanje njengokuba
ebekho emdlalweni weNedbank Cup odlalwe yiSundowns kwiveki ephelileyo. Injongo
ye-Al Ahly ibikukuzuza onke amanqaku emdlalweni wanamhlanje ngoba iyayazi ukuba
akululanga ukubetha iSundowns ebaleni layo, ingakumbi emva kokubethwa ngo’5-0
emdlalweni ongasoze ulityalwe owawuseLucas Moripe Stadium kunyaka ophelileyo. Ukungafumani
igowuli emdlalweni wangaphandle kungayisokolisa iSundowns ngoba nayo iAl Ahly
iza kuza ePitoli ingafuni ukulahlekelwa. Amasandawana anomsebenzi omkhulu
ekufuneka awenze emdlalweni wesibini ngoba kufuneka aphumelele ngamagowuli
amathathu kungekho elifakiweyo kuwo.

 Image may contain: 11 people, stadium and outdoor