Iintliziyo zabalandeli be-Orlando Pirates ziyopha emva kokubethelwa ekhaya kweqela labo. EzikaMagebhula ziguqiswe phantsi yiKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obutshisa emalanga namhlanje eSoweto. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu njengoko bekulindelekile. Amakhosi abeke uxinizelelo kubadlali bePirates basemva futhi awulawula nomdlalo. UKhama Billiat, uLebo Manyama bencediswa nguKeagan Dolly bayinxaphise kwangoko kwisigaba sokuqala. Amakhosi abhalise kuqala ebhodini ngebhola entle efakwe nguReeve Frosler ofumene ibhola kuBernard Parker obedlalelwe nguBilliat.
Azamile ukudlala kakuhle emva koko nawo AmaBhakaniya – kodwa kuyiwe kwixesha lokuphumla engakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa nangona amathuba ebekhona emdlalweni. Bekufanele ukuba iChiefs iye kwixesha lokuphumla umdlalo iwusongile ngamagowuli amabini okungenani ngoba amathuba okwenza lo nto ebekhona. Amaqela angene kwisigaba sesibini semdlalo athatha apho ebeyeke khona kwisigaba sokuqala. Iqale isigaba sesibini iChiefs ngaphandle kukaBilliat okhutshwe ngenxa yokonzakala sekuphela isigaba sokuqala somdlalo. UKearyn Baccus ungene endaweni yakhe. IPirates ilifumene igowuli kwangoko kwisigaba sesibini – kodwa usompempe akalivumanga igowuli likaKwame Peprah obelifake ngentloko.
Zijikile izinto emva kokuba iPirates ifumene igowuli elifakwe nguPeprah odibene nebhola ebigotywe nguThabang Monare kwicala lasekunxele. Ikwazile emva koko ukufumana amandla iPirates – kodwa into engayenzanga kukufaka igowuli lempumelelo amathuba ekhona. Amakhosi afumene igowuli elifakwe nguEric Mathoho ngentloko emzuzwini wamashumi asibhozo. UBrabdon Peterson uvale ibhola emzuzwini wokugqibela kwatsho kwaphela nentlantsi yethemba ebikho kwiPirates. Ngoku Amakhosi ahleli kwindawo yesibini emva kokuthatha amanqaku amathathu kwiPirates.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!