“Iza kufika siyilindile iMamelodi Sundowns” – utsho uMolefi Ntseki!

UMolefi Ntseki ngumqeqeshi weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC/Facebook

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uMolefi Ntseki, ujongene nomnye umdlalo onzima kwiMTN8 Cup – kodwa uthi uza kufika bewulungele. IChiefs yamkela iMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 Cup oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngomso. Lo ngumdlalo omkhulu kakhulu futhi ojongwe ngamehlo obomvu ngabo bonke abathandi bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Nangona iSundowns ikhe yabetha iChiefs ngo’1-0 kwinyanga yeThupha emdlalweni weDStv Premiership – kodwa uNtseki ubethe ngenqindi phantsi ngelithi iza kufika beyilindile kweli ityeli. UNtseki ukuthethe oku emva kokuba Amakhosi ebethe iStellenbosch naMaZulu emidlalweni elandelelanayo kutshanje.

“Umdlalo wokuqala kwiMTN8 nguwona oza kuba nzima – kodwa ukuba ujonga indlela eliqhube ngayo iqela emidlalweni egqithileyo, ndingatsho ndithi likulungele ukudibana neSundowns,” utshilo uNtseki kwikhasi lomnatha leChiefs. Amasandawana aya eFNB Stadium ebukhali macala emva kokuyiphumelela yonke imidlalo ayidlale kule sizini entsha. Kodwa uNtseki uthi okubalulekileyo kukuqinisekisa ukuba abadlali bakhe bomelele ngokwasengqondweni. “Into ebalulekileyo kukubeka umoya wethu phantsi kodwa sikwazi ukulawula imeko futhi sikhaliphe emdlalweni. Asizukuzikhathazasa ngezinto ezigqithileyo.

“Esikufunayo kukubhala iincwadi zembali ngokutsha. Njengamaqela onke kwiPSL, nayo iSundowns inazo iindawo ebetheka kuzo. Iyingozi yona xa iphethe ibhola. Umbuzo: xa ibhola ingekho kuyo, wena uyibetha ndawoni? Yindlela esiza kuyibetha ngayo esiyiqulunqayo ngoku,” utshilo uNtseki ezithembie. Kunyanzelekile iChiefs idlule kwiSundowns, engumqobo kumaqela onke akwiPSL, ukuze abalandeli bayo babone ukuba izimisele ukuphelisa indlala yeminyaka esibhozo. UNtseki uza kubeka ithemba lakhe kubadlali abafana noPule Mmodi (ofake amagowuli amathathu emidlalweni emibini egqithileyo), uEdson Castillo no’Ashely Du Preez ababonise ukuzithemba emidlalweni egqithileyo.