Izakunyuka umnqantsa iDowns kwimidlalo yePSL

Iintshatsheli ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, kulindeleke zinyuke umnqantsa kwiveki ezayo xa kubuyelwa kwimidlalo okokuqala kulo nyaka ngamaqela adlala kwiPSL.

Oku kulandela ukuxinana kwemidlalo yeSundowns edlale imidlalo embalwa kunyaka ophelileyo ngenxa yokuxakekiswa yiCaf Champions League neClub World Cup kunyaka ophelileyo.

Amasandawana antingele eTanzania ekuqaleni kwale veki apho ayokufumana uqeqesho olukumgangatho ophezulu.

Eli qela lasePitoli lishiywa ngemidlalo eliqela ngamanye amaqela akwiPSL, kule nyanga yodwa iSundowns izakudlala neBloemfontein Celtics, i-Orlando Pirates, iChippa United, kulandele umdlalo weCaf Super Cup neTP Mazembe yaseDR Congo.

Isithethi seSundowns, uThulani Thuswa, uxelele iSolezwe ukuba iqela lakhe liseTanzania kuba lifuna ukuzivavanya kumaqela aphambili kwela lizwe.

“Apha silungiselela imidlalo yethu ezayo enzima. Sizakudlala neCeltic, iPirates kanti kukho neSuper Cup. Ukudlala namaqela amakhulu eTanzania kuzakusinceda ngoba anabalandeli, lo nto izakusilungiselela kakuhle xa sidlala namaqela anabalandeli,” utshilo uThuswa.

UPitso Mosimane neqela lakhe kulindeleke bagaleleke eMzantsi Afrika ngempelaveki. Kwiveki ezayo iDowns iya eDr Molemela Stadium – apho izakugagana neCeltic ngoLwesithathu ngorhatya.

Kufuneka iDowns iqokelele amanqaku apheleleyo emidlalweni yayo ukuze ifumane iSuperSport United, iCape Town City neBidvest Wits eziphala phambili kwiPSL ngokulandelelana. emva kwekhefu imidlalo yePSL iyaqala kwakhona ngoLwesibini weveki ezayo.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesibini ngo-19:30:

Kaizer Chiefs v FreeState Stars (FNB Stadium); Bidvest Wits v Ajax Cape Town

(Bidvest Stadium); Cape Town City v Highlands Park (Athlone Stadium); Chippa United v Baroka FC (Nelson Mandela Bay Stadium)

NgoLwesithathu:

SuperSport United v Golden Arrows (Lucas

Moripe Stadium); Platinum Stars v Orlando Pirates (Royal Bafokeng Stadium); Bloem Celtic v Mamelodi Sundowns (Dr. Molemela Stadium); Polokwane City v Maritzburg Utd (Old Peter Mokaba Stadium)