Ulangazelelo nexhala luyakhula kubathandi nabalandeli bamanqindi eMpuma Koloni. IXaba Promotions and Events (XPE), ekhokelwa ngu-Ayanda Matiti, izisa eyesithathu itumente yokubhiyozela ubomi bukaNelson Mandela nje- ngembethi manqindi.
Le tumente ebekulindeleke ibanjelwe eSelborne kwibala lentenetya, sele isusiwe ngoku izakuya kudlalelwa e-Orient Theatre. Oku kulandela isimo sezulu esiye saguquka eMpuma Koloni.
Emva kokubuyisa isidima sakhe kumlo wakhe odlulileyo, imbethi manqindi yaseMdantsane uMakazole Tete uzakuphinda abuyele eqongeni kule mpelaveki. Umlo kaTete nguwo ozakube uhamba phambili kule tumente, uzakube esilwela intshinga ye-IBF Intercontinental junior bantamweight. Uzakube esilwa nenzalelwane yasePhillipines uRaymond Tabugon.
Le tumente kulindeleke ukuba isasazwe ngqo kwiziko losasazo i-SABC. Omnye umlo ojongeke ngamehlo abomvu, kwaye nozakubonwabisa abalandeli ngumlo wetshatsheli entsha yeSA junior lightweight * -Aphiwe Mboyiya.
Kweli ityeli uzakube esilwa nenye inzalelwane yasePhillippines uJerry Castroverde. Kwidabi loMzantsi Afrika le-WBA Africa neIBO International mini flyweight, inzalelwane yaseMthatha uSiphamandla Baleni uzakube eqhizana noDaluxolo Mancotywa waseMdantsane.
U-Athenkosi Dumezweni yena uzakulwa nenzalelwane yaseNamibia * -Abmerk Shidjuu, WBO Africa junior bantamweight engenamntu.
Njengokuba bekwenzekile kunyaka ophelileyo, nakulo unyaka kulindeleke ukuba kufike, abantu abahloniphekileyo abasuka kumasebe ohlukeneyo eMpuma Koloni. Umphathiswa wezemidlalo uFikile Mbalula, umphathiswa wezemidlalo ephondweni, uPemmy Majodina baphakathi kwabantu ekuliundeleke ukuba babekhona.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?