Izanethemba ingqungquthela yabathelekisi

Abathelekisi beli phondo neenkcubabuchopho zomdlalo wamanqindi bebebuthelene kunxweme laseCintsa ukususela ngolwesibini umhla weshumi elinesine ukuya ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeSilimela kulo umiyo. Iinjongo ibizezokuzinika ikhefu njengoko le ndawo amaxesha amaninzi isindleka abantu abaze ngempolo.

Apha bekuziwe kwingqungquthela yabathelekisi beli phondo yonyaka. Nangona ndingenakuze ndingene kwimicimbi ibixovulwa kule nkomfa, kodwa mandilitsolise elokobuba bekungacengwa solala phi, bekubekwa imicimbi ngobunjalo bayo.

Beziphumile zonke izintlu ezisebenzisana nabathelekisi kulo mdlalo, esingabalula amalungu eqoqo lebhodi kaBSA, umbutho ongugalel’ ebhayini kwimidlalo iEastern Cape Sport Confederation, iindwalutho eziphuma kumbutho wophuhliso lwamanqindi abangahlawulwayo nezinye izihandiba nezinxiba mxhaka kulo mdlalo.

Ukungabonakali nangetshengele kwabo bamele imbethi-manqindi namakhankatha akuhlanga kamnandi. Isizathu kukuba kaloku lo mzi wamanqindi ngumzi ekufuneka uyazi ingcingane yomnye ngomnye.

Kulo msitho bendingayanga njengentatheli kungoko ke ndisisaqhaga ngeenkcukacha nemicimbi ibisentloko, kodwa ndizakuqoma nje eyona nto idlwengule umxhelo wam yandenza ndichwetheze le migca imbalwa.

Ithuba elide abathelekisi beli phondo bebephoselana ngodaka, kumdaka iisali kungekho kubuya ngamva. Singabalula ukususela mandulo benamagqugula ahlukeneyo, kude kungahanjelwana xa omnye enetumente.

Ngamanye amaxesha kubekho namaphulo okufadalalisa nokuchitha itumente zabanye ngabanye. Ide yakhula kakhulu le mikhwa imanyukunyezi kule minyaka mibini idlulileyo, kwakhiwa imibutho emibini eyahlukeneyo yabathelekisi bephondo. Abaphathiswa bezemidlalo bephondo noZwelonke baye bangenelela bezama ukunqanda.

Ibikhuthaza kakhulu into yokubona abo bebefudula bekwiinkampu ezahlukeneyo bevalelene kule nkomfa, bexovula imicimbi ejongene nalo mdlalo befuna ukuza nezisombululo. Mandilibeke litsole elithi bebengenzelelani futhi beyitsho ngokwabo ukuba abazokwanasana, bekokose le mvano intsha benyathela inyaniso nenkqubela yamanqindi. Eli ke linyathelo elikhulu kakhulu nelibalulelikileyo. Kaloku imvano nemanyano ayikokuqaba mmemezi ungcibe iintanda koko kukuxobula izilonda ubophe kungatsitsi gazi.

Ubukho bemvano yabathelekisi kweli phondo kubaluleke kakhulu kuba badlala indima egxathu ekususeni ikati eziko kwimizi ngemizi. Xa ke besoloko bekrwempana kuzakubaleka abatyali zimali, kuqhweshe nemizi yodidiyelo midlalo kamabona kude.

Oku ke kuchaphazela ingeniso ezakufunyanwa liqumrhu elilawulayo uBSA, kuchaphazele abadlali, ababukeli noluntu jikelele. Kufuneka sisoloko siyiqhwabela imanyano yabo ngamaxesha onke.

Imiceli-mingeni yona isekhona kwaye izakubakhona, akuthethi ukuba akuzokumane kukrwentshwana, kodwa ukuba ubani uyayazi injongo ephambili ngele kokwenza imali, asinakuba nathafa lemfazwe. Yeyiphi ke eyona micelimningeni emandla lo mbutho wabathelekisi ojongene nayo?

Owokuqala ngowokuba iimbethimanqindi zibabona njengookrebe abafuna ukuncukutha igazi labo. Oku kwenza ukuba kubekho umsantsa phakathi kwezi zintlu.

Omnye umceli-mngeni ngowukuba amashishini neemveliso kweli lizwe awanamdla ekuxhaseni lo mdlalo, kaloku ubutyebi beli lizwe busezandleni zabambalwa nabangenanjongo yokuphucula ifanayo neyabathelekisi ngakumbi abamnyama. Umbutho ka BSA nabathelekisi awukabethi ngesingqi esinye.

Yonke le miceli-mingeni ifuna ubunkokheli obuzakuyiphatha ngobulali nesidima bungayichithi injongo yobunye. Elona tshaba liphambili ke ziinkokheli zalo mbutho idlangokuba ngumkhwa wobuhlohl’esakhe, kungacingelwana.

Ndinenkolo ke yokuba ukuba niyayiqabela le minqantsa ninenkqubo-sikhokelo ecacileyo nakubanempumelelo emandla.

Phambili ngobunye babathelekisi beli phondo!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!!