Izangxa zasePitoli etshatshalazeni kwakhona

Indebe yeNedbank Cup umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Ukhuphiswano lweNedbank lusoloko lunomtsalane ebantwini ngoba iziphumo zisoloko zibashiya bekhala.

Amatyeli aliqela, amaqela amakhulu abangamaxhoba wamaqela amancinci adlala kwiGladAfrica League nakwiMotsepe League.

Izinto zithande ukwahluka kulo unyaka ngoba izangxa zasePitoli, iSuperSport United neMamelodi Sundowns, ziza kudibana etshatshalazeni kwakhona.

AmaSandawana amkela Amatsatsantsa emdlalweni weNedbank Cup oza kutak’ iintlantsi eLucas Moripe Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo.

Umdlalo wamaqela asePitoli ubalulekile kwaye mkhulu ngoba ngamanye wamaqela abalaseleyo ekuthatheni iindebe ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Ngelishwa labantu basePitoli, likhona eliza kuphuma kwakusasa kwiNedbank Cup eqale kule veki.

Iqela likaPitso Mosimane liya edabini lizithembile emva kokuqhuba kakuhle kwiCAF Champions League ngokubetha iSuperSport amatyeli amabini.

Iqela likaKaitano Tembo liya emdlalweni lona liqhwalela emva kokubethwa yiGolden Arrows ngo’1-0 emdlalweni wePremiership kwiveki ephelileyo.

Omabini la maqela akhe ayiphakamisa indebe yeNedbank.

“Kufuneka sicinge indlela eyiyo esiza kulungiselela ngayo umdlalo.

Kodwa eyona nto ibalulekileyo kuthi ngoku kukugqitha ekubethweni kwethu yiGolden Arrows esisokolisileyo,” utshilo uTembo emva komdlalo ogqithileyo.

Nangona ukubethwa kwayo iSuperSport kucuthe amathuba okufumana iKaizer Chiefs ehleli phezulu kwiPSL.

Omnye umdlalo oza kunika umdla uza kube uphakathi kweChiefs neRoyal Eagles ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo.

Amakhosi asoloko ehlazwa ngamaqela amancinci kwiNedbank.

Kunyaka ophelileyo kuthathwe indebe kuwo yiTS Galaxy eyaphumelela ngo’1-0 eMoses Mabhida Stadium kunyaka ophelileyo.

Imidlalo yeNedbank Cup:

Lwesine: Ajax Cape Town vs TS Sporting @Athlone Stadium, 19:30

Lwesihlanu: Stellenbosch vs Maritzburg United @Athlone Stadium, 20:00

Mgqibelo: Passion FC vs Real Kings @Kameelrivier Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs AmaZulu @Dr Molemela Stadium, 15:00; Vaal University vs Golden Arrows @Dobsonville Stadium, 15:00; Highlands Park vs Uthongathi @Makhulong Stadium, 20:00

Cawa: Jomo Cosmos vs Hungry Lions @Olen Park, 15:00; Orlando Pirates vs Bidvest Wits @Orlando Stadium, 15:00; Black Leopards vs North West University @Thohoyandou Stadium, 15:00; Mbombela United vs Cape Town City @Kanyamazana Stadium, 15:00.