Izibeke endaweni entle iWalter Sisulu University!

Iqela lombhoxo laseMpuma Koloni, iWalter Sisulu University, linethuba elihle lokuya kumdlalo wokugqibela kwiVarsity Shield. Umfanekiso: Facebook

IWalter Sisulu University iza kuwudlalela ekhaya umdlalo owandulela amagqibela kankqoyi. Eli qela lombhoxo laseMpuma Koloni libethe iTswane University of Technology ngo’15-8 kumdlalo ubinzima kakhulu ngenxa yemvula ebisina ngamandla eBuffalo City Stadium kubusuku bayizololo. Ibe ziindwendwe eziqale ngesantya esiphezulu emdlalweni, zijike ngasemgceni izihlandlo eziliqela – kodwa lalile udonga lamakhwenkwe kaSipho Metula.

NguTembani Kori obhalise amanqaku okuqala emdlalweni xeshikweni elala emgceni kushiyeke into engaphantsi kwesihlanu semizuzu kwisiqingatha sokuqala emva kwempazamo eyenziwe ngabadlali bangasemva beTswane University of Technology. Lo manqaku aqinisekise ukuba iya ekhefeni inkqenkqeza phambili ngo’5-0 iWSU. Ziphinde zaqala apho beziyeke khona iindwendwe de ifolosi zazo zatyhoboza zalala emgceni. Iphinde yalala kabini emgceni iWalter Sisulu University, iqinisekisa ukuba iyawuphumelela umdlalo.

Ukapteni weWalter Sisulu, uPhumlani Blauw, ebechulumance ngeyona ndlela emva komdlalo. “Ndichulumance khakhulu bhuti wam, yile nto besiyilwela le. Besifuna ukudlala umdlalo owandulela amagqibela kankqoyi ekhaya,” utshilo uBlauw.

Kanti yena umqeqeshi weWSU, uSipho Metula, utyityimbisela umnwe i-University of Western Cape ehleli phezulu kwiVarsity Shield. “Ukudlalela ekhaya kusinika ithuba elihle lokudlala umdlalo wokugqibela.Simincele ukudlala neUniversity of Western Cape. Bayasikweleta yaye siza kubavingcela endaweni yabo,” utshilo uMetula.

Walile ukuthetha nonondaba umqeqeshi weTswane, Marius Scholtz, obelugcwabevu ngumsindo emva komdlalo: “Andinanto yokuthetha, thethani nosompempe.” Ngoku iWSU ilinde ukudlala neqela eliphumeleleyo phakathi kweKZN neTswane.