Izibeke endaweni entle kakhulu iBorder Women

Izibekele indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi iBorder Women emva kokubetha iSharks ngo’27-10 kumdlalo obubanjelwe eBuffalo City Stadium ngenjikalanga kwiveki ephelileyo.

La manenekazi adlala umbhoxo ayiphumelele yomine imidlalo yawo kule sizini. Umqeqeshi weli qela, uNwabisa Ngxathu, uthi ukholelwa ukuba ukuzimisela kuko okubeke iqela lakhe endaweni entle kwi-Inter-Provincial League.

“Kukuzimisela kwabadlali okusibeke kule ndawo sikuyo kule sizini,” uNgxathu utshilo.

Nangona bechwayitile kuba liqhuba kakuhle iqela, umqeqeshi uthi ziseninzi iingxaki abajongene nazo kumbhoxo wamanenekazi.

“Ewe, siyawabetha amaqela amaninzi kodwa kunzima kakhulu kweli lethu iqela. Akululanga ukudibana ngoba umbhoxo wamanenekazi awuxatyiswanga njengowamadoda,” utshilo uNgxathu.

Kanti umqeqeshi weSharks, uMvuyisi Sigila, uthi uxolile yindlela elidlale ngayo iqela kule sizini nangona lingafumenanga amanqaku anolisa kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

Le ndedeba iyakholelwa ukuba umbhoxo wamanenekazi unekamva eliqaqambileyo.

“Badlalile abadlali bam kule sizini. Uyabona nawe ukuba ngabadlali abaselula aba kodwa zininzi izinto,” utshilo uSigila.

IBorder Women iza kundwendwela iFree State ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, phambi komdlalo wokugqibela kwi-Inter-Provincial League.

Umdlalo wokugqibela uza kudlala ngomhla wamashumi amabini anesithoba eBuffalo City Stadium.

Alikacaci iqela eliza kuqubisana neBorder Women; amaqela anethuba elihle yiWestern Province ne-Eastern Province.

La maqela aza kungquzulana ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga eBhayi.

Kwezinye iindaba; iBorder Bulldogs ayikaphumeleli kwiCurrie Cup kule sizini emva kokubethwa yiSouth Western Districts Eagles ngo’37-22 kutshanje.

isibhalo@inl.co.za