Izigantsontso zeMpuma Koloni ziya eChina

UChris Ngutha noLusindiso Danster bazakumela uMzantsi Afrika kwilizwe laseChina.UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Oosozoso ababini baseMpuma Koloni bazakumela uMzantsi Afrika ezizweni.

ULusindiso Danster noChris Nguta zizigantsontso ezibini eziphume izandla kweli phondo ezifumene inyhweba yokuchongwa ukuba babe yinxalenye yeqela loMzantsi Afrika elizakuthatha inxaxheba kwitumente yehlabathi, ezakube iseChina kwinyanga engaphaya kwale izayo – eyoMsintsi.

Omabini la madoda enze ezibukwayo kwitumente eyaziwa ngokuba yiRise of the Phoenix ebibanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo. Kulapho uNtshinga abambe khona indawo yokuqala wazigodukela neshumi elinesihlanu lamawaka eerandi (R15 000). Ubethe ugxa wakhe uNguta ofumene indawo yesibini.

Bobabini aba sozoso beli phondo bayalithakazelela ithuba lokugudlana imihlane nabanye oompondo zihlanjiwe behlabathi. Ukukhuphisana kwinqanaba lehlabathi lithuba elinqabileyo nelifunyanwa kuphela ngabantu abasebenza ngokuzimisela. Emva kokuphumelela, uNtshinga uchulumancile kakhulu. “Ndiyavuya kakhulu. Emva kokuzuza impumelelo ndonwabe kakhulu. Ayikokokuqala ndingenela kwinqanaba eliphezulu – kodwa bendiqala kwiRise of the Phoenix,” utshilo uDantser..

Le ndodana iqhube kakuhle kakhulu kwiitumente ezifana neBattle of Titans, iBorder Classic nezinye. “Kuyandichulumancisa ukuya eChina, sendilinde loo mhla ngoku,” uvale ngaloo mazwi uDanster.

Naye uNguta akawuvali umlomo ziindaba zokuya kwakhe eChina. “Le nto ithetha lukhulu kum kakhulu. Zange ndacinga ukuba ndingamela uMzantsi Afrika, ndiyawuthanda kakhulu lo mdlalo,” utshilo uNguta.

Nangona lo kaNguta engaphumelelanga kwiveki ephelileyo – kodwa imonelisile indlela izinto ezenzeke ngayo kula tumente. “Ukhuphiswano luhamba kakuhle. Akundikhathazanga ukubethwa kwam nguDanster ngoba ndiyawazi amandla wakhe – sisebenza sonke,” utsho uNguta

Omabini la madoda azakumela ilisizwe kwinqanaba lehlabathi – apho umgangatho uzakube uxhome kakhulu.