Izigcinile izangxa zayo iMamelodi Sundowns

UThapelo Morena noGaston Sirino bavuselele izivumelwano zengqesho neMamelodi Sundowns kule veki eziza kuphelelwa ngonyaka ka-2025 Umfanekiso: Facebook/Sundowns

Abaphathi beMamelodi Sundowns bazigcinile izangxa zeqela labo eliza kuqinisa ubunganga balo kwakhona kwibhola yaseMzantsi Afrika nakwizwekazi leAfrika.

Ekuseni ngoLwesibini wale veki, iSundowns ikhuphe isaziso esithi iThapelo Morena noGaston Sirini bavuselele izivumelwano zabo zengqesho.

Bobabini aba badlali abaziintsika baza kuhlala kwiSundowns kude kube ngunyaka ka2025. Kutshanje, uPatrice Motsepe uye waqinisekisa okokuba uPitso Mosimane uhlala eminye iminyaka emine kwiSundowns afuna iphumelele eyona ndebe ibalulekileyo kwakhona kwibhola yaseAfrika, iCaf Champions League.

UMorena noSirini bathi bagqibe kwelokuba bahlale kwiDowns ngoba bonwabile futhi baneenjongo zokuphumelela ezinye iindebe. “Ndonwabile Masandawana.

Yiyo lo nto ndithe mandisivuselele isivumelwano sam sengqesho. Inde indlela esiseza kuyihamba kwaye sifuna ukuphumelela ezinye iindebe,” utshilo uMorena osakhonkxwe kukonzakala.

Emva kokuzingelwa ngamaqela asemantla weAfrika, uSirino ukhethe ukuhlala eMzantsi.

“Ukwandisa kwam isivumelwano sengqesho kuya ndichulumancisa kwaye nosapho lwam lonwabile kweli lizwe. Ndicinga ukuba umdlalo wam useza kukhula. Ndiqinisekile ukuba zininzi iindebe esiza kuzizuza ngenxa yabadlali abasemgangathweni ophezulu esinabo kweli qela,” utshilo uSirino oyinzalelwane yaseMzantsi weMelika.

Omnye oza kuhlala kwiSundowns lisekela-mqeqeshi, uManqoba Mngqithi. Ngethuba ikamva likaPitso lingekacaci, nelakhe uMngqithi belingacacanga kwiDowns.

“Ndityikitye isivumelwano esitsha neSundowns. Kugqityiwe, yinto leyo eza kubhengezwa ngokusesikweni liqela. Uyazi ukuphumelela iindebe kunjani. Xa uphumelele yanye indebe; uye uzifune zone,” utshilo uMngqithi oqeqeshe amaqela afana neGolden Arrows neChippa United.

Intsebenziswano ephakathi kukaMngqithi noMosimane iyithathe iSundowns yayibeka endaweni ephezulu kakhulu ebholeni yeAfrika.

Nangoku kulindeleke beze nezinye iindebe xa kusongwa isizini ngaphezulu kweTelkom Knockout ezuzwe yiDowns ekupheleni kuka2019.