Izikhotha amanxeba iChippa emva kokubethwa yiCape Town City

Kermit Romeo Erasmus of Cape Town City celebrates goal with teammates Mduduzi Mdantsane and Bradley Ralani of Cape Town City during the Absa Premiership 2019/20 match between Chippa United and Cape Town City at the Orlando Stadium, Soweto on the 14 August 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela laseMpuma
Koloni ekuphela kwalo kwiPSL, iChippa United, lizikhotha amanxeba emva
kokubethwa ngegowuli elinye eqandeni (1-0) yiCape Town City emdlalweni we-Absa
Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ukuphumelela
kweCity kuyisebenzele ngoba ibhekele ngoku kwindawo eyingozi njengokuba
kusongwa isizini. Kanti kwelinye icala, yandise amathuba wayo wokungena kuluhlu
lamaqela asibhozo aphezulu kwiPSL emva kokusokola ekuqaleni kwesizini yePSL
ka-2019/20. Igowuli elincede iCity lifakwe yifolosi eyingozi, uKermit Erasmus,
emva kokunikelwa ibhola entle nguFagrie Lakay esekunene.

Ukusukela oko
kuthe kwadlalwa imidlalo yePSL okokuqala emva kweenyanga ezintlanu, iCape Town
City
liqela lokuqala
elizuze impumelelo kwemidlalo eliqela ephele amaqela entanganye. Omabini amaqela
aqale umdlalo ngesantya esiphantsi – kodwa nguFagrie Lakay weCity onkqonkqoze
kuqala kwiChippa ngebhola ephume ecaleni kancinci ezipalini. Akukho nto
ayenzileyo uPeter Leeuwenburg ezipalini zeCape Town
City
ngaphandle
kokunqanda ibhola etyhafileyo ebikhatywe nguRuzaigh Gamildein. Isigaba sokuqala
siphele iCity inamandla emva kokufumana igowuli ekuphela kwalo emdlalweni.
Abadlali beChippa United babuye benamandla kwisigaba sesibini futhi kubonakala
okokuba bafuna ukufaka igowuli lokulinganisa.

Iqela
likaLehlohonolo Seema ligqejwe iduma elingophiyo xeshikweni uKevin Moyo
ekhutshwa emdlalweni ngekhadi elibomvu emva kokunikwa ikhadi lesibini
elityheli. Okulincumisileyo iqela likaJan Olde Riekerink kukuba impumelelo
ilithathe yalilahla kwindawo yethoba. Ukubethwa kweChippa kuthetha ukuthi
uSeema uza kusebenza phantsi kolungummangaliso uxinizelelo ngoba amaqela alwela
ukusinda ezembeni akekudanga kwiqela lakhe ngamanqaku.