IZimbane Killers iqokelele onke amanqaku eJan Smuts

IZimbane Killers ibethe iFC Buffalo kumdlalo we-ABC Motsepe League namhlanje eJan Smuts Stadium, eMonti. Umfanekiso: Pedro Mapelo | I'solezwe lesiXhosa

Namhlanje bekudibene oomakad’ezondana kumdlalo obunzima – kodwa umnandi ngendlela emangalisayo eJan Smuts Stadium, eMonti, ngale njikalanga. IZimbane Killers ibethe iFC Buffalo ngamagowuli amabini kwinto engekhoyo [2-0] kumdlalo we-ABC Motsepe League. Omabini la magowuli afakwe kwisiqingatha sesibini emva kwexesha elide ezamana la maqela omabini.

Njengokuba amaqela ebefinca umjikelo wokuqala wesizini kwimidlalo yale mpelaveki – phantse onke ebefuna impumelelo ngoba engena kwesona sigaba sibalulekileyo kwisizini yeMotsepe kweli phondo leMpuma Koloni.

Lo mdlalo obuphakathi kweZimbane Killers neFC Buffalo ubonise ukunxanelwa kwala maqela impumelelo. Nangona iFC Buffalo ibincediswa kakhulu ngumoya kwisiqingatha sokuqala – kodwa khange ikwazi ukufumana igowoli. Umoya ubanalo ifuthe kwindlela odlalwa ngayo umdlalo eJan Smuts Stadium ngoba uyayiphazamisa kakhulu ibhola, ingakumbi xa iqela lithanda ukudlala iibhola ezihamba phezulu.

Akwazile ukudala amathuba omabini la maqela, okuthe kwagqama kodwa – yimigushuzo eyenziwe yiZimbane kakhulu ngoba ibiyeyona inamandla futhi newulawuleyo umdlalo sade saphela isiqingatha sokuqala. Njengesiqhelo umdlalo ubudlalwa ngesantya esiphezulu futhi nabantu bebekhona abozokunika la maqela inkxaso. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kulo mdlalo kungekho gowuli macala.

Emva kwexesha lokuphumla, yiBuffalo ebithande ukukhathaza kwimizuzu elishumi elinesihlanu yokuqala. Kuthe xa umdlalo ufudumala kwakhona, yabuyela emdlalweni iZimbane. Bobabini oonozinti badlale indima enkulu ngeba bavale iibhola ezinzima. Kwimizuzu elishumi yokugqibela kulapho kwenzeke idemesha kuyo ngoba iZimbane ifake igowuli layo lokuqala.

Kuthe kungekapheli nemizuzu emibini, yangcangcazelisa umnatha kwakhona. Lo magowuli awabulele nyaaa amathemba weBuffalo wokufuma inqaku elinye okungenani kulo mdlalo. Amanqaku amathathu apheleleyo afunyenwe yiZimbane Killers azakuyinceda ayisondeze kakhulu kumaqela aphala phambili ngamanqaku kwiMotsepe League apha eMpuma Koloni.