Izimvo zabathandi bebhola ngomqeqeshi wePirates

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, uthi ikamva lakhe njengomqeqeshi lixhomekeke kubaphathi bakhe.

Lo mqeqeshi uneminyaka emibini eqeqesha iiSea-Robbers, ufikelele kumdlalo wokugqibela weCaf Confederation Cup neNedbank Cup.

Umbuzo: Ingaba lifikile ixesha lokuba iPirates ikhangele omnye umqeqeshi okanye inyamezele uTinkler,

Ngowuphi umqeqeshi omfunayo?

Mgcina Siroro: Maka- yekwe uTinkler bethunana torho mna ndisenalo ithemba apha kuye

Tk Nandoz Dlangamandla: Ewe,uba bekuya ngokwam, * -Eric Tinkler, bendisaya kumnika elinye ithuba ngoba usebenzile kona akufani. Ndiqinisekile nabaphathi bangavumelana nam

Fish Mbane Asanda: Ukuba ufuna abantu abangenanyani yiya kubalandeli beSoccer, ngumuzwana bemthanda Mqeqeshi ngumzuzwana bemkhomba esangweni..Eric makanikwe ithuba.

Siya Zanemvula-Alfred Doni: Makahambe akhe ayozama ngcono kulamaqela mancinci iPirates inkulu for yena

Sandisile Sandae Ndala: Mna ndisuke andayazi noba mandithini.

Q-base Nande VanDe Nhonho: Iyafuneka into yoba nabalapha eMzansi sibanike ithuba elaneleyo

Humphrey Sigonyela: Ndithi mna makaqhubeke noqeqesha kuba uyabonisa angagcono xa enonikwa ithubela elanelyo ujike kwimidlalo yokugqibela kwade kwakabini

Mazizi Sangqu: Makahambe, iPirates zange yalwela ukungena kwiTop 8 yohlulakale.

Akhona Jaxa: IPirates iyamdinga uTinkler, ngeba uzithathile iindebe nto nje Zithathiwe. Ayinakwazi ukumtyekeza emva komsebenzi ongaka awenzileyo. Yonke into iqala emazantsi okanye iqala ibune ukuze imile siyavana? Hamboxelela uIvirn Khoza ke ukuba ndithini kungenjalo uhambe nam ndizomxelela. Zolani Mazola Kowa: Kuba ke ndingenguye nomlandeli we-Pirtes, kodwa * -Tinkler yena akasayifanelanga i-Orlando Pirates. Uzinikiwe iseason zambini kodwa akukho nanto abuye nayo endlini.

Wona umsebenzi wakhe ubumhle kakhulu kodwa umqeqeshi ozazibonakalisa xa edlala neeteam ezithile akafuneki. iBhakania mayihambe ifune umqeqeshi ozakufaka into endlini.Kwakukudala ngoko ebeyi “Happy People”

Nimrod Momani: makayekwe ndinethemba ngaye

Nikile Yengo: Makahambe Wohlulakele. UGavin Hunt Okanye UDan Malesela Angenza Ngcono.

Tshepo Mophetse: Makahambe, kuze uDaniel Malesela weChippa United.