Izinto aziwahambelanga kakuhle Amajimbos

Amajimbos awe phantsi kwilinge lawo lokuzibekela indawo kwi-African Youth Championship ezikunyaka ozayo. Umfanekiso: Safa

Amajimbos [SA Under-17] akhe phantsi isitya sigcwele kwiTanzania namhlanje kumdlalo wokuzibekela indawo kwitumente ye-Afrika ezakudlalwa ekuqaleni kunyaka ozayo.

Ilizwe laseTanzania liquthise uMzantsi Afrika kabuhlungu ngamagowuli amabini kwinto engekhoyo [2-0] kumdlalo obuseChamazi Stadium, eDar es Salaam, ngenjikalanga yanamhlanje umhla we-21 eyeThupha 2016.

Amagowuli kulo mdlalo afakwe nguMohamed Abdallah kwisigaba sokuqala no-Ibrahim Ali ofake elokuvala.

Amajimbos aye kulo mdlalo kunyanzelekile ukuba aphumelele kuba umdlalo wokuqala phakathi kwala mazwe waphela ebambene ngo’1-1 kwiiveki ezimbini ezidlulileyo eDobsonville Stadium.

Kodwa ke akwenzekanga oko kuba iTanzania ilisebenzisile kakuhle ithuba lokudlalela ekhaya phambi kwabalandeli bayo ngokungafaniyo naMajimbosi.

Inkxaso eyifumene kubalandeli iyincedile kakhulu iTanzania. Umqeqeshi woMzantsi Afrika, uMolefi Ntseki, uthi iTanzania iphumelele kuba inabadlali abaqinileyo ngokwasengqondweni kunabo boMzantsi Afrika.

“Abadlali beTanzania badlale ngcono kunabethu – ndicinga ukuba umahluko ubulapho qha. Kubalulekile ukubagcina aba abadlali sanabo ngoku bendawonye ukuze baye kwi-Under 20 bonke,” utshilo uNtseki.

UMzantsi Afrika uzakuphoswa lithuba lokudlala kwi-African Youth Championship ezakube isengethwe yiMadagasca ekuqaleni konyaka ozayo.

“Akumnandanga konke konke njengokuba singazukwazi ukuya kwitumente enkulu njengale – kodwa ndicinga ukuba sinabo abadlali abaneziphiwo zokudlala ibhola ekhatywayo kakhulu. Nangona sibethiwe – kodwa sinawo amandla wokukhuphisana namanye amazwe,” ulebele ngalo mazwi uNtseki.

Ngoku iTanzania kulindeleke idlale neCongo okanye iNamibia phambi kokuba ifumane indawo kwi-AYC ezakube iseMadagasca.